Makhe silwe ubuqhophololo ngenye indlela

Masiqale ngelithi le nto sithi bubuqhophololo okanye urhwaphilizo lwemali ayonto yamkelekileyo nanini na.

Silandelise ngombuzo wokuba ngubani umnikazi wobuqhophololo kutshanje, kweli laseMzantsi Afrika?

Buza umntwana omncinci ukuba xa usithi “ubuqhophololo” bacinga ngantoni okanye ngabani? Uyakufumanisa ukuba bacinga ngoMongameli Zuma, okanye bakukhomba umfanekiso womntu ontsundu ukuba bangakhethiswa.

Ngumfanekiso-ngqondweni ogxininiswa yiMedia yakweli yonke imihla lo. Ukuba sifuna ukulwa ubuqhophololo kufuneka sikhuthaze iMedia ezakususa ubuhlanga phambi kokuba ikhethe ukuba izakubhala ngabani. Kungabikho mkethe. Ubuqhophololo bukho macala onke.

Kuyafuneka ukuba nemithetho kunye nezohlwayo ezingqonge ubuqhophololo zibe qatha kakhulu ukuze baboyike abantu. Owona nobangela wokuba babengamasela kukuba bayakwazi. Kulula. Kuzakufuneka siyokuyisiphula kwiingcambu le ngxaki; siyiqale pha kubantwana. Sibafundise ngemali, sibafundise ukungacalu-caluli ngokobuhlanga.

Enye yeendlela zokufundisa abantwana kukuba siqale ukubalisa amabali ethu ngokwethu, sikrobe neencwadi ezibalisa ibali elingahambisaniyo nesiqhelo; ezifana noApartheid, Guns & Money booHennie Van Vuuren.

Le ncwadi icacisa kakuhle ukuba izigidi neebhiliyoni zatyiwa njani lurhulumento localucalulo. Sisakuba nalo olo lwazi sakuyazi ukuba le nto sithi bubulingani ngokobuhlanga sakuyizuza nzima xa sizama ukuzilinganisa nabantu abazuza ngobona buqhophololo.

Kufuneka urhulumente okanye umbutho lo uphetheyo uqale ukutshintsha ubuso bobuqhophololo; bangene ekuhlaleni, hayi nezipho neenkamnkam kodwa nolwazi lwembali neelwimi zethu kunye nendlela imbali yethu yasibeka emva ngayo. Sifundisane ngemali.

Uninzi lwezinto esizaziyo ngathi bantsundu sazibhalelwa ngabo babesakuba ngabacinezeli. Kwa iMedia le yethu, ingakumbi eyesiNgesi, isaqhuba ngeengqondo ezityeshela izidima zabantsundu kuqala. Kufuneka sitshintshe indlela esizibona ngayo nesiboniswa ngayo ngathi – phambi kokuba sithi sakulwa izinto ezifana nobuqhophololo.