USihlalo weNdlu yeeNkosi zaseMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana ubongoze amakhwenkwe eli phondo ukuba akhe athi xha kwezesondo, afane namantombazana nto aphantsi kwenkqubo yohlolo lobuntombi eyenziwa minyaka le.
UNonkonyana ukuthethe oku emva kotyelelo lwendimbane yamantombazana anyulu kule Ndlu eBhisho kutshanje.
La mantombazana, ukusuka komncinci oneminyaka elishumi ukuya kwabangaphaya kweminyaka engamashumi amabini, angamantombazana nto angazange adibana namfana.
Le nkqubo aphantsi kwayo ingumfuziselo wesithethe sakudala sokuhlolwa kwamantombazana ukuwalungiselela ixabiso nesidima sawo ekuhlaleni.
Encokolela I’solezwe lesiXhosa kwi-ofisi yakhe eBhisho uNonkonyana uthe: “Xa sinamantombazana anyulu kufuneka sibenoogxa babo abangamakhwenkwe abanyulu abazakuhlonipha iintombi. Simemelela kubafana namadoda azakuhamba nabahloli abangoomama bafake amakhwenkwe kule nkqubo. Lo nto iyakusincedisa ekubeni singabinazingxaki zingako nakwisiko lolwaluko.”
UNonkonyana umemelele kurhulumente ukuba axhase la mantombazana nto ngeebhasari.
“Sithi ke urhulumente makayixhase le nto yamantombi nto, awanike neebhasari. Xa urhulumente ekwazi ukunika iigranti abantwana abangamantombazana ababelekileyo, unqandwa yintoni ekunikeni iibhasari kumantombazana anyulu? Abaziphethe kakuhle.
“Xa kunokuxhaswa aba bantwana ngenkxaso yezimali, singavuya kakhulu. Sikwafuna nokuba kuxhaswe aba mama bahlola la mantombazana baye nasezikolweni bafundise abantwana bethu ngenkcubeko,” utshilo uNonkonyana.
Omnye wamantombazana akule nkqubo yokuhlowa, uOngeziwe Makaula (18), kwilali yaseNgwetsheni kwaBhaca (Mount Frere), uthe: “Isizathu sokuba ndithabathe inxaxheba kwinkciyo kukuba ndifuna ukuzigcina ndiyintombi nto, futhi ndizikhusele kwizinto ezimbi ezenzeka apha phandle. Ndikwafuna nokwenza umzekelo kwabeza emva kwam.”
“Inkciyo indenza ndizive ndikhuselekile, yaye akukho nto indichaphazelayo ngaphandle kokuba ndizithanda ngomzimba wam,” utshilo uMakaula owenza unyaka wesibini kwizifundo zolawulo lwezimali (financial management) eUnisa.
UMakaula uthi uyazingca ngokuba yintombi nto nangona nje efumana ukugxekwa ngoontanga bakhe. “Ootshomi bam bathi ndiyabatyhafisa kuba ndim ndedwa oyintombi nto kubo. Lo nto ayindikhathazi kuba ndenza into endiyithandayo,” utshilo uMakaula.
UNonkonyana ukhuthaze la mantombazana ukuba aqhubeke nokuzingca ngesithethe sokuhlolwa.
“Into esixakayo ngabantu baseNtshona aba bayibona ingamasikizi into yokuhlolwa kweentombi, bade bathi ukuveza amabele linyala kodwa yena umlungu akuthethwa nto xa eveze isinene.
“Thina asinangxaki namabele, into efihlwayo ngumzimba wangezantsi yiyo le nto abantwana bethu befaka inkciyo. Nathi madoda iyasikhuthaza le nto, kuba into esiyifunayo kukuba kwingingqi nganye kweli lizwe kuhlolwe amantombazana ukuze ahlale enyulu,” utshilo uNonkonyana.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party