Makube ke utshintsho luyeza

Ewe, iANC nguwo umbutho oza kuphumelela olu ulonyulo luka2019. Asazi ke nokuba bakumgcina uMongameli Cyril Ramaphosa njengomongameli woMzantsi Afrika na okanye banomnye umntu abaceba ukumfaka.

Nangona kunjalo, asiqondi ukuba iANC le iza kuphumelela ngomyinge ongaphezu ko60%. Siyaqikelela nje ngokuva uluvo lwabantu. Ngomhla wolonyulo siye sazulazula iindawo ngeendawo zolonyulo, eMonti, Qonce, Cumakala, Qunu naseKapa. Kuzo zonke ezi ndawo sibuze abantu ukuba bavotela ntoni?

Eyona mpendulo exhaphakileyo ibe ngu “ubomi obungcono” okanye “utshintsho” – asazi ke nokuba oko kuthetha ukuba bakuvotela iANC bahlale ethembeni emva koko? Okanye bakuvotela imibutho efana neDA, EFF, UDM, ATM, njalo njalo?

Akukho ndlela ichaneke ncam yokwazi ukuba umntu ngamnye ungena enze ntoni phaya kwela gumbi lokuvota.

Iyakufane ibe ziziphumo ezisixelelayo. Nangona kunjalo makhe sihlalutye lo mba wotshintsho olufunwa ngabantu aba. Abantu bakuthi, aba bahlelelekileyo, basakhala ngeenkonzo zikawonkewonke ezisisiseko.

Njani ukuba ngo2019 sibe kanti sisenabantu abangenawo amanzi, abangenawo umbane, abangenazo neendawo zokufihla iintloko ezi?

Oosopolitiki baye bathi kunzima ukulungiselela bonke aba bantu ngoba basuke bavuke bakhe imizi (amatyotyombe) naphi na osogqiba baqhankqalazele iinkonzo, ibe ke phofu loo ndawo bahlala kuyo ingakufanelanga ukuhlala abantu nokufaka imibane. Inzima le nto.

Sakukhe sibone ukuba iiEFF neeDA zakukhula kangakanani na kolu ulonyulo. Nakanjani bakhona oomasipala abaza kubambisana ngabo, kulapho bakuzibonakalisa amandla abo.

Nathi ke sitsho sibone ukuba balawula njani xa befumene ithutyana kuloo maphondo baqhube kakuhle kakhulu kuwo. Intle yonke le nto; luphawu lokukhula kwedemokhrasi.

Ngokukhula kwayo nemibutho iza kutsho izimisele, sonke side sixhamle kobu bomi bubhetele kudala sabufuna.