Minyaka le ngomhla we-14 kwinyanga yoMdumba, ihlabathi lonke libhiyozela usuku lwabo bathandanayo, suku olu lubizwa ngokuba lusuku lweValentina (Valentines` Day ngolwasemzini).
Uya kuqaphela ke kwakwigama eli lolu suku, ukuba alukho kwimbali yethu maXhos`asekhaya, kwimveli yethu, nkqu nakwiingcambu zobuntu bethu.
Kungoko igama elithe ngqo lesiXhosa lolu suku lingekho. Endikubonayo nendikuqwalaselayo kukuba ngolu suku, akupheleli nje ekukhuthazweni kwabo bathandanayo ukuze babe nokuthandana nangakumbi, koko kuvuselelwa neemvakalelo zothando nokuthandana phakathi kwabo babandakanyeka eluthandweni olo.
Olu thando lubonakaliswa ngeendlela ngeendlela. Ubukhulu becala ubona amanene engena ephuma kwiivenkile ezahlukileyo ngeenjongo zokuthengela amaqabanekazi awo izinto-yinto, kuquka neentyatyambo; izimuncu-muncu; imifanekiso; impahla; kude kuyiwe kudliwa nakwiindawo ezishishina ngokutya.
Namanenekazi kwelawo icala awaziyekeli, uwabona eyimiqodi kusiyiwa kuthengelwa amasoka nabayeni kwa ezi zinto ziza kuwenza azive ethandwa kwaye exabisekile. Imibuzo ihlala izinga engqondweni yam ke zidwesha zakuthi malunga nolu suku.
Ingaba uthando lokwenene kumele lusikelwe usuku olunye phakathi kwezo zingaphaya kwamakhulu amathathu? Ingaba uthando lokwenene kumele lubonakaliswe ngokuchithwa kwemali ngeli lixa kwiindawo esihlala kuzo kukho amakhaya angathathi ntweni, kwanamakhaya anabantwana abangakwaziyo ukuqhubekeka nemfundo ngenxa yokungabi namali?
Ingathi kum xa le mali ichithwa ngolu suku ibinokuqokelelwa yabelwe amakhaya angathathi ntweni, imizi egcina amahlwempu neenkedama, kungenjalo ifundise abo bangakwaziyo ukuqhubekeka nemfundo ngenxa yokungabi namali, oku bekuya kubonakalisa uthando lokwenene!
Kwangolu suku, iintsana zethu ziyalelwa ukuba ziye kumaziko emfundo zimbeje-mbeje zizinxibo eziyimibala ibomvu namhlophe, mibala leyo kufumaniseka ingumqondiso wolu suku lwabathandanayo.
Rhoqo ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi uMzantsi Afrika ubhiyozela usuku lokukhululeka komntu ontsundu kumakhamandela engcinezelo.
Ingaba bangaphi kuthi ma-Afrika abachitha imali ngokuthengela izipho loo makhaya aswelekelwa ngamatsha-ntliziyo abulawa ngokungenalusini ngamagosa karhulumente wocalu-calulo?
Bangaphi kuthi abazidinayo ngokuya ezikolweni kufundiswe iintsana zethu ngamaqhawe namaqhawekazi omzabalazo ngolo suku?
Zingaphi izikolo ezikhuthaza abantwana ukuba beze esikolweni bephethe nokuba yimizobo yaloo maqhawe namaqhawekazi adlala indima egqathu ekulweleni le nkululeko?
Rhoqo ngomhla wama-25 kuCanzibe, kubhiyozelwa usuku lwe-Afrika kwizwekazi lonke ngokubanzi. Bangaphi kuthi abangena bephuma ezivenkileni ezinezipho zobu-Afrika okanye bathontelane besiya kwiimarike ezinezirhoxo zama-Afrika athengisa impahla, ukutya nezipho zobu-Afrika, ukuze zinikezelwe kwiintsana zethu namaqabane ethu, ngeenjongo zokuvuselela uthando lobu-Afrika kuthi sonke ma-Afrika?
Bangaphi kuthi abathatha ixesha baye ezikolweni kufundiswe ngomanyano lwamaAfrika, ukutshatyalaliswa kwenkohlakalo egqubayo yokuhlaselwa kwabantakwethu noodadewethu abasuka kumanye amazwe e-Afrika, kungenjalo kubhiyozelwe uthando lwe-Afrika kwizikolo zonke nakwiindawo zonke ngokufanayo nale Valentina ndini!
Luza kufika usuku lolutsha (June 16), usuku lokukhumbula ulutsha lwaseSoweto olwagetyengwa ngokungenalusini ngenxa yokulwela ilungelo lokufundiswa ngolwimi abaluvayo.
Ndinomdla wokubona ukuba amaziko emfundo eli lizwe, nabantu beli lizwe ukuba baza kuluhlonipha njani na olu suku. Luza kufika usuku lwabasebenzi (Workers Day), ngomhla wokuqala kuCanzibe.
Ngolu suku kubhiyozelwa kukwahlonitshwa indima edlalwe ngabasebenzi ekulweleni inkululeko nokuxatyiswa kwabasebenzi kwiinkalo zonke eMzantsi Afrika nakwihlabathi jikelele.
Ndijonge ngamehlo abomvu ukuba uluntu luza kuluhlonipha njani na olu suku lubaluleke kangakanana! Luza kufika nosuku lwamafa ethu (Heritage day), ngomhla wama-24 kweyoMsintsi, nangona luza kuzinyaswa ngomhla wama-25 ngoMvulo, kuba umhla wama-24 kweyoMsintsi ungeCawa.
Ndinomdla wokubona thina maXhos`akowethu, nani ma-Afrika amahle, ukuba olu suku lwamafa ethu kwanobuhle beenkcubeko zethu kwanemveli yethu, siza kuluhlonipha njani na!
Ingaba ezi ntsuku zibaluleke kangaka kubuntu bethu, kwintlalo yethu, kuphuhliso lwethu nakwinkqubela-phambili yethu, siza kuzibhiyozela ngokufanayo kusini na nale Valentina ndini yenkcitha-mali engadingekiyo?
Ukubonakalisa uthando kuhle, kubalulekile, kwaye kuyadingeka kweli xesha lokusilela kobuntu nemvisiswano, kodwa andiqondi ukuba oku kumele ukubekelwa usuku olunye kuphela, nalapho kuchithwe imali ngeli lixa kukho iintsizana ezilala ngamanzi, zakugqiba zivuke ngomvubo wamalongwe!
Halala, utshatile uMama Joy!