Makube yintoni xa ingekuko ukukhonza isisu?

Kwizinto zonke endingazinqweneliyo ayikho eyodlula ukukhokela abantu.

Ukuba kuthi ngelishwa umsebenzi wam, nokuba ngowokuxelengela inyama, ubandakanye ukukhokela abantu ndifa namthanyana.

Kona ngokunokwam nokuba bendinokunikwa amatye kuthiwe mandisebenze nawo bekukhona ndingakholwayo, nje ukuba oko kuza kundirholisa ndondle usapho lwam. Umntu unzima, aqatsele ke akukhokelwa!

Abantu ke bona bangxamele ukukhokela. Ubunkokeli endibubona kule mihla ke bahlukile kobenene.

Inkokeli yokwenene iyazalwa ayibekwa, asiyonkunzi yento efuywayo. Okunye ayizigqatsi, kunjalo nje izibandeza sele icelwa. Andizazi ke ezi zihamba zizicelela ukuxhaselwa ukukhokela.

Imbali yeenkokeli zokwenene nezenze umqela oncomekayo ebunkokelini bazo zezo zigrunjwe ngemihlakulo ukuze zamkele ukuphathiswa.

Ekwamkeleni kwazo ukuphathiswa azilibalanga ukuba ziphathisiwe aziziphathisanga, ukutsho oko zizicaka. Abalali ke abezopolitiko bale mihla ukuba kuthiwa kuza kutyunjelwa abantu kwizikhundla zokukhokela.

Bathwayiza ngobusuku kuhanjwa kuhlaliwa amagumgedle okuzuzisana izikhundla. Benza ngako konke abanako ukuba bangabikho kude kumaqhekeza aza kuwa ezitafileni zeenkokeli; osendleleni yabo ashenxiswe nangayiphi na indlela.

Eyona nto icace okomva webhokhwe ke kubunkokeli bale mihla, kwezopolitiko nasezicaweni nakwezokuhlala, kukuba uninzi lwezi nkokeli asibantu bakhonza isizwe ngaphezu kokukhonza okukokwabo.

Ngendisithi kuleqwana nezisu, koko indawana endishiyayo kukuba nabahluthiyo ufika bethe ga izifuba, qhuntsu iimpundu, khuxu imikhaba beleqana nobunkokeli obuzuzisayo.

Lindikhohle ke ukuba inokuba yintoni bethu le ingaka ebunkokelini! Kukuthini ukuxolela ukuphulukana nesidima sakho, uhlazise usapho lwakho, abantwana bakho bakhohlwe kukuhamba phakathi koluntu ngenxa yezenzo zakho kanti lonke elo xesha unyamezele isizwe?

Ewe iinkokeli zangaphambili zikwenzile oko, zinyamezele ubuxelegu ukuze kukhululeke eli lizwe. Sakhululekayo nje ke ubani ubuya azenze ixelegu ngabuni? Sakungena ezikhundleni sifuna ukufela kuzo, okomkhanzi phantsi komsila.

Akukho lizwe linoze likhokelwe yinkothovu yexhego nentshimbinxa yexhegwazana kanti elo lilizwe lingabuye libe lilizwe!

Akusame nkokeli apho sele kume nto yimbi. Ingaba umntu ongako usenomxhino wokondla bani, apho ke besinokuthi uhlelele imali?

Ndinayo nento ethi lisiko lalapha e-Afrika ukuthanda izikhundla. I-Afrika ngokubanzi inembali yeenkokeli ezimbi ezingafuni kulahla ezikhundleni, zinabazixhasayo ke phofu.

Ingaba zihlalela ukudla kwazo okanye ukudlisa abo bazigcine ezikhundleni?

Akuvi ukushenxa nokuphulukwa sisikhundla kwipolitiki yanamhlanje kunento yokwenza nabo bazuziswa yinkokeli leyo ngaphezu kwezidingo zayo uqobo?

Ndiyafuna ukuthi abahlali ngokuthanda koko bahlelele nto yimbi. Wumbi wamkela ubunkokeli kuba enombono omhle anawo ngelizwe.

Kuthi ke kuba inguye owuqonda ngokucacileyo, kufuneke ukuba awuthengise kumahlakani akhe, mahlakani lawo asuke abone ikwanguye onothi akhokele ngempumelelo ukufezwa kwalowo mbono. Makube sinemibono ngenene ke apha eMzantsi Afrika xa sinoludwe olungaka lwabagacele ukukhokela!

Ukukhokela kona ngokunokwako akumnandanga. Mhla wamkela ukukhokela kumhla waphulukana nobuwena.

Kumhla wahlalela ukukholisa abantu ngaphezu kokukholwa wena, ukuba wangxathele namaxelegu kuba nawo engawakho. Kumhla wazifaka ekwamkeleni nantoni na efunwa ngobakhokeleyo nokuba akuhambisani na nayo.

Kukuzibetha ngenyheke etyeni ukuxhinela ubunkokeli, ingakumbi obale mihla yedemokhrasi. Akunakuba kusezicaweni ke, kukwanje ngokuba ndibeka. Kazi ngowani na ke lo mxhino ungaka?

Okunye abantu banamhlanje bafuna ukukhokelwa ngabantu ababafunela okukokwabo ngaphezu kwabafanelekileyo. Baxolele ukukhokelwa ngoneliso elinye abamfunela okukokwabo kunonamabini ofanelekileyo.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba