‘Makubotshwe ibhanti’- Gordhan

Makubotshwe ibhanti, kuncitshiswe inkcitho engeyomfuneko.

Esi sisilumkiso sikaMphathiswa wezezimali uPravin Gordhan ngethuba esenza uhlahlo lwabiwo-mali ePalamente eKapa izolo.

UGordhan ubhengeze ukuba imali yenxili yesizwe kunyaka-mali ka2017/18 yi-1.56 yeetriliyoni zeerandi. Okubi ke kukuba ityala likarhulumente lime kwi-R2.2 yeetriliyoni.

OKWENYUKAYO:

* Irhafu yezono (abatshayayo nabasela utywala): Izakonyuka ukusuka ku-6% ukuya ku-10%

* Imali yendodla yabantu abadala izakuba yiR1 600 emva kokonyuka ngeR90 kwabo bangaphaya kweminyaka engamashumi amathandathu, ze ibe yi-R 1620 kwabo bangaphaya kweminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu.

* Imali yendodla yabaphila nenkubazeko izakuba yiR1 600 emva kokonyuka ngeR90.

* Imali yendodla yabaphantsi kokhathalelo (foster care) izakuba yiR920 emva kokonyuka ngeR30

* Imali yendodla yabantwana izakuba yiR380 emva kokonyuka ngeR20.

* Irhafu yamafutha ezithuthi izakuba yi-30c ilitha.

-Sithandiwe Velaphi