Oosomashishini baseMnquma bathi ukuvulwa kwemizi mveliso eyavalwayo, ukuvuselelwa kwecandelo lezolimo kunye nokuqwalaselwa kwezokhenketho neembali yale ndawo, zizinto ezingathi zibuyisele uqoqosho lwalo mmadla kwimo elalukade lukuyo.
Aba somashishini bebephawula emveni kweMnquma Investment Summit ibisindlekwe yiYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa kwiveki ephelileyo.Injongo yale ngqunguthela, ichazwe njengephulo lokuvuselela uqoqoqosho lwaseMnquma ukwazi libuyele kudalashe, apho kwakufudula kukho indawo eyayisenza amachephe, eyayisenza oophayiphi bemoto abakhupha umsi, kunye nomzi wokudidiyelwa kotywala * -SAB.
Umbutho woosomashishi, iNAFCOC eMnquma uthi, uyalamkela inyathelo likaMasipala waseMnquma lokuvuselela uqoqosho ngokwezokhenketho, ezolimo, kunye nokuvulwa kwemizi mveliso eyavalwayo, kodwa ukwanenxalabo yokuba zizakwenziwa njani na ezi zinto.
Usihlalo walo mbutho, uZukile Mbelani, uthi ukuba izinto zenziwe ngale ndlela kuthethwe ngayo kwisummit, uluntu laMnquma lizakufumana imisebenzi, kwaye noosomashishini bazakuxhamla ngamandla.
“Ndithandazela ukuba yenzeke le nkqubo kaMasipala, kuba izakuphucula nabantu abahluphekileyo abangenanto, kwaye namashishini amancinane azakuxhamla,” utshilo uMbelani.
Woleke ngelithi, le summit izakuvelisa amathuba emisebenzi xa kuvulwe iimizi mveliso eyavalwayo, kwaye namathuba oshishino azakuvela njengoko kuzabakho intsebenziswano phakathi kwabo namashishini amakhulu.Uvalelise ngokuthi, bazakuhlalutya yonke le nkqubo yesummit bayicacisele nabanye oosomashishini ukwazi bajonge amathuba abo okushishina kuyo.
Usihlalo weMnquma Hawkers Association, uTito Gabhayi , uthi bayamkela ngochulumanco isummit, kuba izakuphucula uMnquma, kodwa bamincile ukuba ngase yenzeke ngale ndlela ibhalwe ngayo.
Uthe kumathuba azakuvela ngase kuqinisekiswe ukuba bayaxhamla, kuba banegalelo olumadla kuqoqosho. Emva kwale ngqungquthela, uMasipala unoxanduva lokurhweba abatyali, ngamathuba oshishino eMnquma.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike