Makude kufe bani?

Kukho uluvo oluthande ukubalasela qho xa sithe sabhala ngezinto ezidibene nolwaluko kweli phepha; uluvo oluthi amaphephandaba awangeni ndawo kweli siko kwaye akho nto bekumele ukuba iyathethwa ngalo ngoonondaba. Impendulo yethu iye ibe lula kakhulu.

Xa abanikazi besiko, amadoda namaXhosa ngokubanzi, bengalihoyanga eli siko kwaye kubhubha abantwana sithini?

Sithule sithi tu? Ewe, siyayiva eyokuba isiko lona alibulali mntu, ngabantu ababulala abantu. Siyayiva nale yokuba ziingcibi ezingekho semthethweni ezi zibulala abantwana babantu pha esuthwini. Siyayiva nale ithi “yingxaki yaseMampondweni leyo!”

Siziva zonke kodwa uxanduva lolwethu sonke ekuqinisekiseni ukuba akubhubhi mntu kulwaluko.

Igunyabantu lotshutshiso namapolisa anengxaki yokuba qho xa kuthe kwabanjwa umrhanelwa kule miba abahlali bonke baye babuye umva bangafuni ukuphakama babe ngamangqina ukuze umntu lo ubanjiweyo agwetywe.

Lilonke ezi ngcibi ‘zomgunyathi’ ziye zibuyele ekuhlaleni, ziphinde le mikhuba yazo emva kwexesha. Kule veki sikhe saya kwindibano yokuxoxa ngeengxaki zolwaluko ebibanjelwe eMonti.

Bathethile ooNkosi uMatanzima, bathetha nooBrigadier Ntsabo bamapolisa, bonke bethetha into enye ke phofu; le yokuba olona xanduva lokuyila amadoda lukwakuthi bemi beli, ingakumbi abazali.

Umntwana oyinkwenkwe kufuneka akhuliswe esazi ukuba kulindeleke ntoni kuye xa esiya ebudodeni kungalindelwa ukuba uza kutshintsha kwiivekana nje ezintathu.

Napha esuthwini kuza kufuneka kuye amadoda asekuhlaleni anesidima, hayi oomasitshaye abafuna indawo yokusela emabhumeni.

Kufuneka sikhumbule ukuba ulwaluko olu, ayonto yakhe yabulala, ngoko ke lisiko apha ebekumele ukuba lixhonkxa likwalungisa izimilo zamakhwenkwe ukuze babe ngala madoda anesidima nentlonipho ekuhlaleni.