Makufunwe icebo kumaHlubi nabeSuthu

Alikho icebo elingazanywanga ngurhulumente weli ukuphungula inani labantwana ababhubhela eSuthwini minyaka le.

Aba bantwana babhubha apha zindlalifa zamakhaya, iinkokeli zokuhlala, amathemba wamakhaya, yintlungu le yokubhubha kwaba bantwana.

Kutheni le nto singenakucela icebo kwizizwe ezilenzayo eli siko ekungekho bantwana babhubhayo kuzo. Isizwe samaHlubi siphila, sihlala naso kwimpilo yemihla ngemihla, isizwe sabeSuthu yinxalenye yempilo yethu thina sizwe sifelwa ngabakhwetha.

Kutheni singenakufuna icebo okanye sifunde into enye okanye ezimbini ezilungileyo kwezi zizwe zingafelwa njengathi ngabakhwetha.

Yimbubhane into yokuba rhoqo kulwaluko lasebusika kubhubhe abantwana abangaphezu kwamashumi amabini, kanti nasehlotyeni kuseza kuphinde kube njalo.

Ziphi iinkokeli zale ndlu kaXhosa? Zitheni zingenakuphuma zicele amacebo okuphungula lo bhubhane. Elinye lamacebo elinokufundwa kwisizwe samaHlubi nabeSuthu lelo lokwenza ibutho lamakhwenkwe aya eSuthwini.

Ibutho lenza ukuba indawo abahlala kuyo abantwana ibenye, iingxaki zabo zibonwe ngaxeshanye, amacebo okubanceda enziwe ngaxeshanye.

Oku kungenziwa ngokuba kwakhiwe indlu enye enkulu kulo ndawo, bangene apho ngobuninzi babo behanjelwa ngamagosa karhulumente.

Ingcibi inganye okanye zibe ninzi ngokwesivumelwano salo ndawo phantsi kwalo masipala. Kungasetyenzwa ngokolwabiwo lwewadi, ngokuthi amakhwenkwe enziwe abe libutho lewadi nesiqingatha sewadi leyo.

IiNkosi, ooCeba, ooSibonda namadoda okuhlala bencedisana ngendlela yokukhathalela eli butho lala makhwenkwe.

Ibutho lamakhwenkwe aseSuthwini kudala beliba nexhwele elaziwayo ukuqinisa la makhwenkwe, kuqiniswe nendlu leyo baza kuhlala kuyo.

Amakhankatha anokwenziwa abelinani elihambelana nomyinge wamakhwenkwe, kodwa kubekho loo makhankatha aza kuba zinqununu kwamanye amakhankatha ngokushiyana kwamava nolwazi. Amanye angajongana nokuphekela abakhwetha kwiintsuku zabo zokuqala xa besesefukwini.

Iintsapho zona ziza kwenza amasiko azo ngokwezindlu emakhayeni wabantwana, ingakumbi xa kufuneka beshwamile baze bakugqiba bathunyelwe kuloo ndawo.

Okanye amadoda, iinkosi nosibonda bavumelane ngendlela abanokushwama ngayo abantwana. Amakhaya wabakhwetha anokuthumela ukutya kwexesha elide kuhlale phaya ehlathini okanye entabeni leyo bahleli kuyo abantwana.

Ukuba kungenziwa oku kungagcina isidima sesiko logama kukwakhuselwa neempilo zabantwana besi sizwe sihle kangaka.

AmaHlubi nabeSuthu banokuza ngaphambili nezinye iindawo ezinokuncedisa eli phulo, ingekuko ukuba sifuna iimfihlelo zabo abafundiswa ukuba bangazithethi namntu kodwa kucelwe nje icebo.

OoNkosi uMagadla, ooNkosi uZibi nooNkosi uTsotetsi baze nemfihlelo yabo yokungabhujelwa ngabakhwetha kuncedwe isizwe sikaXhosa.

Eli ingalilo nethuba lokufundisa aba bantwana ngoxanduva lendoda ekhayeni layo nakwisizwe sakowayo ngokubanzi.

NgoMvulo umhla wesithoba kule nyanga, bebelishumi elinesixhenxe abantwana ababhubhileyo kwiMpuma Koloni. Ngokuqinisekileyo eli nani sele lisukile apho ngoku.