Usekela mphathiswa kwisebe lezonxibelelwano uStella Ndabeni-Abrahams umemelela iinkokeli zemibutho yabafundi ukuba mazikhokhele abafundi kwicala elilungileyo ukuze bathathe uxanduva ngekamva labo.
UNdabeni-Abrahams ubethetha kwintlanganiso nabafundi beziko loqeqesho iKing Hintsa eDutywa ngoMvulo.
Iinjongo zale ndibano iqale kwiiyure ezimbini kwixesha ebelibekiwe elilicala emva kwentsimbi yeshumi elinesibini ibikukuxelela abafundi ngezona zinto beziphambili kwintetho yobume belizwe eyenziwa nguMongameli Jacob Zuma ngoFebhruwari ePalamente eKapa kunye nokusabela kwimiceli mngeni ngeenkonzo eziya eluntwini, izicwangciso nezinto esele zenziwe.
Ubalule ezona beziphambili ingakumbi ezichaphazela abafundi kweli lizwe.
“Umongameli wabalula izinto ezifana neendlela zokulwa indlala, intswela ngqesho, uphuhliso loqoqosho nokusiphulula neengcambu ukucalulana ngokobuzwe. Makuliwe nokucalulana ngokwebala kuba sibanye singamaAfrika sonke.
“Kwiinzame zokujongana nentswela ngqesho, eli sebe lonxibelelwano libambisene neMic seta lizoqeqesha abafundi abangamashumi amahlanu apha kweli ziko iKing Hintsa,” utsho Ndabeni-Abrahams.
Lo sekela mphathiswa uxelele abafundi ukuba mabaziqhelise ukusebenzisa izixhobo ezikhona bohlukane nokutshabalalisa esele zikhona kuba befuna ezingekhoyo esithi mabenze utshintsho kwiindawo abasuka kuzo.
Usodolophu waseMbhashe * -Olga Mfecane uthe, ukujongana nokunqongophala kwezakhono bazoqeqesha abafundi bengumasipala. Abafundi bakhalazele iindawo zokuhlala kweli ziko becela uNdabeni-Abrahams angenelele ngenxa yokugcwala ngokudlulisileyo.
Umfundi uSiphenathi Seyisi uthi bahlala belishumi kwigumbi ngalinye kwindawo ababhatalelwa kuzo sisikolo nto leyo iphazamisa ukufunda.
UNdabeni-Abrahams uthembise ngokubamba intlanganiso ekhawulezileyo nabalawuli besikolo aqwalasele izikhalazo zabafundi.
Ukanti ebutsheni bangomvulo uqale ngokutyelela isikolo iKSD FET eyayifudula isaziwa njengeCicira.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup