Makulinganwe!

Iqumrhu eliyiJersey Farm nelaluthabathela kulo uxanduva lokulwela amalungelo oluntu nophuhliso lwabantsundu kwindawo yaseMthatha, lithe lavakalisa elalo ilizwi kwintsuma-ntsumane yokubulawa nokuxhatshazwa ngokungenalusini kwamanina.

Eli qumrhu, neliphethwe nguNomthandazo Bewana, lazalwa kunyaka wama-2002 kwindawo ebizwa iJersey Farm kwaPayne emva kokufuduka kwenkampani yamagqwetha iLawyers for Human Rights, nalapho bashiyeka abahlali bedinga iqumrhu elingabanika iingcebiso zomthetho. 

Kule nyanga yamanina lithe lamema abathathi nxaxheba abohlukeneyo libamemela kwindibano ebibanjelwe embindini wedolophu yoMthatha ngeenjongo zokuthi, ‘makulinganwe luluntu lonke kwaye kungabukulwana ngokwesini’. 
Lo, ibingomnye kwimisitho eliqela ebibanjwe kulo lonke eli loMzantsi Afrika ngale nyanga eyabekelwa bucala njengeyokubuka intsebenzo yamanina, kukhalinyelwe izenzo zokuxhatshazwa abajongene nazo, ngaxesha linye kuliwe ngokuchaseneyo nokunyhashwa kwamalungelo abo.
 
Umsitho ubumbetshe-mbetshe zizinxibo zesintu, oomama bexhobe bef’ amacala bubukhazi-khazi beentsimbi namaso, kubonakala gca ukuba bayazingca ngobukhomokazi babo. 

Abathathi nxaxheba ibiliSebe lezoBulungisa, ookopoletyeni abaqhutywa ngabafazi, unontlalontle waseMthatha Womens Support Centre, uThandeka Dlwati kunye neNkosi uMakaula oyinzalelwane  yaseBaziya nabanye. 

Lo msitho ubujoliswe ekubongozeni amanina ukuba abenolwazi ngamalungelo awo kwaye anganyamezeli impatho gadalala, nokuba isuka kwizinqanda-mathe, emakhaya okanye isuka kubaqeshi.
 
Inkosi uMakaula ichaphazele umba wamalungelo asetyenziswa gwenxa aze anyhashe awabanye abantu, watsho esithi masibuyele kula ndlela sasiphila ngayo mandulo phaya, apho wawuhlala nabantwana abangazalwa kowenu ngoxolo kungekho bani ulanda omnye. 
Ukhuthaze amanina ngelithi umthwalo weenyanga ezisithoba othwalwa ngumama, amadoda akasoze akwazi ukuwuthwala, ngoko ke mabayazi ukuba liyinene elithi baziimbokodo. 

UMnu. uKhaya Nkontso osuka kwiqumrhu likamasilingane elisekelezelwe eMonti uthe, “Umsebenzi wethu kukulwela ukuba amanina anikwe inkululeko yokusebenza nokuvakalisa ilizwi lawo kumacandelo entsebenzo onke nasemakhaya. Akukho sidingo sopolitiko kulo mba kuba oomama abekho phezu kwephulo lokuthatha imisebenzi yootata efana nokukhankatha nokolusa, nto nje bafuna ukulinganiswa kwimpatho nentlonipho nootata. 

Enye yezona nkqubo zibalulekileyo esijongene nazo, kukuqinisekisa ukuba ezikolweni kukho izindlu zangasese ezisemgangathweni ukuze amanina akwazi ukuzihoya xa esexesheni”. 
Uphinde wakhalimela ukubukulwa kwabantu ngenxa yezigqibo zokuba bafuna ukuthandana nesiphi isine, watsho esithi bancedisana neqela eliyiLesbian, Gays, Bisexual, Transgender International (iLGBTI) ukuze kuncothulwe ubundlobongela obubeka abachaphazelekayo esichengeni.

Abazimasi banikwe ithuba lokuziphefumlela nokutsolisa imibuzo kwiindwendwe. 

Omnye kumadoda abezimasile uvele ngelithi, “Kutheni oomama babantwana beyitya bodwa imali yesibonelelo bengasicuntsuleli thina singootata babantwana”? Utyityimbiselwe umnwe kabukhali ngosuka kwaDomestic Violence, uWinifred Mgolombane ngelithi, “Imali yesibonelelo ayiyo kamama ingeyokatata womntwana kodwa yeyomntwana kuphela. Kangangendlela onobuzaza ngayo lo mkhwa, ningade nizibone ningena kwesimnyama isisele xa nide nilwe ngayo.”

Oyena nqontsonqa ibingumba  wamalungelo anikwa abantwana, naphinda abenze babengoos’thubeni, baphuncuke ezandleni. 
Esinye kwizikhalo zabazali kukubalasela kwesiko lokuthwala nelinyhasha amalungelo abantwana, libulale nekamva labo. Kulo mba inkosi uMakaula ithe, iinkosi neenkokheli zasekuhlaleni zenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba lo mkhwa uncothulwa neengcambu.