Ukulinywa kweegadi ezikolweni yenye yeendlela ezazisetyenziswa nguRhulumente waseTranskei ukulwa indlala ekuthethwa ngayo. Ingxelo ekhutshwe kutshanje yiKomishini yamaLungelo oLuntu, ithi, kukho indlala egqithisileyo eMpuma Koloni.
Alikho elinye ichiza lokulwa indlala ngaphandle kokwandiswa kwamacebo okuvelisa ukutya.
Phantsi koRhulumente kaDaliwonga Matanzima, izikolo zazingamaziko okufundisa logama zazikwasetyenziswa ukuvelisa ukutya. Kunamhlanje izikolo zineegadi ezinkulu ezihleli nje zingenzinto, akukho nombono wokuba zisetyenziswe.
Ezo zikolo zimbalwa zizisebenzisayo iigadi, zilima ukutya okuncinci kakhulu okungancedi nto.
Ngaphandle kokuba ezi gadi ziza kuvelisa ukutya, kodwa ziyakwazi nokudala amathuba emisebenzi ethutyana kwabo bahlala kufutshane nezikolo bengaphangeli.
Kumaxesha angaphambili ukutya okuveliswa kwezi zikolo kwakuncedisa kwiingxaki zokuhlala eziquka imingcwabo nezinye iinkqubo zophuhliso zasekuhlaleni.
Ukusetyenziswa kweegadi zasezikolweni kuvumbulula umdla wokulima kubantu abancinci nabadala kutsho kulinywe yonke indawo.
Ngenxa yokulinywa kweegadi ezikolweni, abantu basekuhlaleni babekhuthazeka bekwafunda nzulu ngenzululwazi yokulima.
Oku bekubangela ukuba abahlali bazibone bevelisa ukutya kwiigadi zamakhaya abo bekhuthazekile ngenxa yomsebenzi oqhutywa ezikolweni. Ukulinywa kwemifuno ezikolweni kunganceda ukuba ukutya okutyiwa ngabantwana ezikolweni kuhlale kukutsha, kuhlaziyekile kunika izakhamzimba ezifunekayo.
Ukukhula kweemveliso zolimo ezikolweni kungenza ukuba iphunguke imali esetyenziswa ukuthenga ukutya okunikwa abantwana ezikolweni.
Isidlo sosuku ngalunye esityiwa ngaba bantwana esikolweni sinayo imifuno, ngoko ke ukuveliswa kwemifuno ezikolweni ngundoqo.
Ukuba le nkqubo ingaqala kungatsho kubelula ukuvulwa kwamaziko okulima imithi ethwele iziqhamo ezindidi ngeendidi ezikolweni nasemakhaya angqonge izikolo ezo. Asiko isizathu sokuba kuthiwe kukho indlala eMpuma Koloni, kuba mninzi umhlaba ohleliyo ongalinywayo onokusetyenziswa uvelise ukutya.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!