Makumanyelwane, amadoda nabafazi

Siphuma kwinyanga ekuthiwa yeyamabhinqa eMzantsi Afrika. Le yinyanga yokuphakamisa amabhinqa nkalwana zonke zokuhlala kule demokhrasi; iziphakamiso zomlomo ke phofu.

Kwiintshumayelo ezikhuthaza ukuzimela nokuzilawula kwamabhinqa kusoloko kukho nezimenza umntu endinguye abe nolunqa. Zisuka zibonakale zizizinto zasentsomini nekungathi khe zakho kunqabe uzinzo kwimpilo yethu.

Xa ndiza kungena kulunqa endinalo, mandiqale ngokubeka umnwe, nam ndinyathelise ekubeni aba bantu ngabantu bexabiso.

Kudala ke ndiyithetha loo nto kweli phepha lakokwethu, ukuba kuthi maXhosa ibhinqa ngumntu wexabiso, akukho mntu uxabiseke ukudlula yena kwimpilo yethu. Siyayenza ke thina basenengondo yayo loo nto, amabhinqa siwaxabisile.

Zikhona ke izihupepe ezingawazele nto zisenziwa bubudenge bazo. Mandishiye ke apho ndize kulunqa endinalo ngeemfundiso zabashumayeli zokuphakanyiswa kwamabhinqa ngendlela yedemokhrasi.

Kuthiwa thina madoda akukho nto sinokuwaxelela yona amabhinqa ngendlela amakaziphathe ngayo. Kuthiwa amadoda anento yokucinga ukuba amabhinqa la amele ukuva ngawo, ukususela kwindlela amakanxibe ngayo ukuya kwizenzo zawo.

Iyandimangalisa ke leyo mfundiso. Iza kuba ngabantu abanjani aba bangazuva ngabanye abantu? Kungokuba amadoda la engabantu abaphila kunye namabhinqa akukho nto anokuwanqanda kuyo amabhinqa?

Kungokuba andinakutsho phaya kuMamTolo ukuba lo mbhaco awunxibileyo unebhaxa elibi wukhulule unxibe omnye, okanye mfutshane kakhulu ukuba unganxitywa ngumfazi? Kufuneka ndimyeke anxibe ukuzithandela?

Abanakwe mabangatsho koodadewabo ukuba bayanqunduza, mababayeke benjalo bonqandwa yintengu?

Emzini kukho abantu abathathu, yindoda nomfazi nabantwana. Abo bantu bayalulekana ngokufanelekileyo omnye komnye.

Iza kuba yimizi enjani le apho abafazi bangazuxelelwa mntu ngento efanelekileyo nengafanelekanga? Buza ke wena ukuba iya kuthi ukuze ibe ifanelekile ifaneleke emehlweni endoda na? Impendulo yam ikwangumbuzo othi, kanti ibimele kufaneleka kwakabani amehlo?

Umkam ubukwa ndim, hayi ngomnye umntu. Konke ukufaneleka kwakhe kukwawam amehlo. Ngubani ke ngoku lo kumele ukuba afaneleke kuye xa ingendim mna ndoda yakhe?

Aba bantu bashumayela izinto ezifana nezi banamadoda phaya emizini yabo. Nabangendanga banawabanye abafazi, enokuba kulahlwe abafazi kweziwa kubo, okanye zizinto ezingazange zamxabisela ukumenza umfazi umntu obhinqileyo.

Endikuthethayo kukuba banamadoda ebomini babo. Baphila njani nala madoda xa engena kubaxelela nto? Ufuna ukundixelela ukuba ebomini bala mabhinqa umntu oyindoda akukho nto awalawula kuyo?

Andinqweneli kuwubona lowo mzi wabo, kuba ndinomfanekisongqondweni ombi ngemeko enjalo, apho umfazi enza nje ukuzithandela indoda ikhona.

Mhlawumbi kuliwa nale nto yokuba amadoda eziintloko zamakhaya. Kanti kanye ngoku aziintloko eva ngabafazi bawo. Amadoda ngamadoda abafazi bawo, eva ngabo ke. Ukulawula kwamadoda kuphaya ebafazini bawo.

Ke, kungani abafazi bona bengena kulawulwa ngamadod’ abo? Indoda ilawulwa ngumkayo ze umfazi alawulwe yindoda yakhe! Yintoni ke ngoku le sishunyayezwa yona isizwe?

Umfazi khe akalawuleka emzini uyaphela lowo mzi; ngokunjalo naxa kuyindoda engalawulekiyo. Ke, ingaba ezi mfundiso zilicebo lokuchitha imizi?

Makunqandwe ukuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda, ngokunjalo nokuxhatshazwa kwamadoda ngabafazi bawo.

Kodwa ukuthi abafazi mabangazilawulisi ngamadoda abo yimbubho leyo; kukuchithachitha uzinzo. Bafazi thandani amadoda enu, nenze ngokufanelekileyo kuwo, niwahloniphe njengeenkosi zenu. Nani madoda bathandeni abafazi benu, nibaphathe ngobunono njengabantu abaxabiso likhulu.

Lo ushumayela ukungalawuleki makasingelwe phantsi kwendlu yeenkukhu. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba