Makungabikho kutya nantente emngcwabeni!

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba umemelela ekuphelisweni kokutya kwanokugxunyekwa kweentente emingcwabeni ukunqanda ukosuleleka kwabantu yintsholongwane yekhorona.

UGomba ubhalele iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ememelela imiqathango eqatha kwindibano yezingcwabo.

Imingcwabo emithathu ebibanjwe ephondweni ibonakalise elubala ukuba ukunwenwa kwale ntsholongwane kunako ukuphenjelelwa kukosulelana emingcwabeni

Le mingcwabo ibibanjwe eSajonisi, eCacadu naseBhayi.

UGomba uthi imingcwabo ifanele ukuzinyaswa ngabantu bekhaya kwanabangcwabi kuphela ukuthintela ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona.

“Sikwaxhalabile ngenkqubo yokomba ezilalini kuba abafana batshintshiselana ngeepeki kwanemihlakulo kuba oko kuza kubangela ukosulelana,” utshilo uGomba.

Ngokwemiqathango ebekiweyo, bangamashumi amahlanu kuphela abantu abavunyelwe ukuba babe yinxalenye nomngcwabo.

Imingcwabo ayifanelanga kuthatha ngaphaya kweeyure ezimbini kwaye imilindo ivaliwe.

UMabuyane uthi bebenqwenela ukuba inqunyanyiswe imingcwabo de kudlule ixesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu.

“Into ebalulekileyo kukuba sikhuphe izixhobo zokogquma iimpumlo ukuze abantu bakhuseleke.

Emingcwabeni sithi makungaphekwa kutya kuba ukupheka kulapho isasazeka khona le ntsholongwane.

“Siyayiqonda eyokuba izingcwabo zibalulekile ukukhapha abantu bethu ngezidima kodwa masicingelane kuba sijongene nemfazwe. Emingcwabeni sifuna lonke uluhlu lwabantu abebezimasile, futhi bangadluli kumashumi amahlanu,” utshilo uMabuyane.

Inombolo yeSebe lezeMpilo ephondweni apho ubani angathi afowunele kuyo xa efuna ukuqonda ngentsholongwane yekhorona ngu: 0800 032 364.