“Umntu olambileyo akananyani, akanasidima, kwaye uyadeleleka.” Lawo ngamazwi kaGloria Serobe kumsitho apho bekuwongwa amanina eli leMpuma koloni ngendima ayidlalayo kwezolimo. La mawonga ebebanjwele eCoega eBhayi.
USerobe uthe, iziphumo zonyulo loorhulumente basekuhlaleni zibonakalisa phandle ukuba umntu olambileyo kulula ukuba alukuhlwe ngeqela amakalivotele. “Njengokuba ligqithile nje unyulo kusiyiwa ku2019, makuthethwe iinyaniso zodwa ebantwini,” uqhube watsho okaSerobe.
Ukwathe eloMzantsi Afrika liyintlekisa ngokuba lithenga umbona kumazwe afana nelase Mexico kodwa ukhona umhlaba wokulima. Ukwakhuthaze abalimi baseMpuma Koloni ukuba basebenzise umhlaba, kubekho imveliso. Uqhube wathi, “Xa imbalela yenze akwabikho mveliso eFree State naseMntla Ntshona, iMpuma Koloni mayiqinisekise ukuba umhlaba uyasetyenziswa, kukho imveliso.” Kwakula mawonga uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthe kuyo yonke imbali ngamanina abesebenza umhlaba esodla abantwana, ngelixa amadoda ayesiya emfazweni nangethuba lemisebenzi efumaneka emigodini.
Kwakulo msitho umphathiswa wezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthe into ebalulekileyo kukusetyenziswa komhlaba ngentsebenziswano kubekho imveliso ngaphezu kokuba kuthiwe lomhlaba ngokabani. Ukwathe uninzi lwabalimi abangamanina kweliphondo aneendawo zokuthengiusa imveliso. “Ndathetha nabaphathi beshishini lakwa Boxer, uSpar, noMccain, bonke bathi bayafuna ukuthenga isivuno sala mafama, kwaye abafuni mveliso izakuphela phakathi,” utshilo uQoboshiyane.
Ukwathe isebe lezolimo kweliphondo linamaphulo ngamaphulo okudibanisa abalimi neemazlike zokuthenga isivuno eso, kwaye abanye bamalimi abebewongwa ngoba busuku bathengisa imveliso kumazwe aphesheya.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?