‘Makuphathe ulutsha eNgcobo’

Njingalwazi Ncedile Saule

Ikamva loMzantsi Afrika lisezandleni zolutsha, kodwa alinikwa ngqalelo ulutsha kweli. Oku kuthethwe nguNjingalwazi Ncedile Saule kwisifundo ngesikhumbuzo sikaGqirha Alfred Batini Xuma ebesiqhutywa eNgcobo ngoLwesihlanu.

“Ulutsha leli lizwe lidinga ukukhathalelwa, libe nomphathiswa wolutsha, kubekho namaziko olutsha kule dolophu. Angathi akugqiba ukufunda umntu ahlale phantsi. Ulamba njani unemfundo? Icebo linye makuphulaphulwe iimfuno zabafundi,” uqhube watsho okaSaule.

Lo msitho ubuququzelelwe liqumrhu iGlobal Rural Development Agency, nelasungula iDr AB Xuma Foundation kwiminyaka elishumi elinesibini eyadlulayo.

Usihlalo weli qumrhu uMusa Tsholeka uthi bakhumbuza abantu ngemisebenzi kaXuma. “Sisihlandlo sesine kuqhutywa esi sifundo, sibiza abantu abafana nooNjingalwazi Saule ukususa ingcinga ethi lo ngumcimbi wezopolitiko sifuna wonke umntu azi ukuba ngumcimbi kawonke-wonke,” utshilo uTsholeka.

UGqirha AB Xuma wazalwa ngonyaka ka1893 ngomhla wesibhozo kweyoKwindla kwilali yakuManzana eNgcobo. Emva kokufunda amabanga aphantsi kule dolophu wayokufunda kumazwe aliqela phesheya esenza izifundo zobugqirha.

Akuziphothula ezo zifundo wabuyela kweli lizwe ngomhla wesine kweyoMnga ngonyaka ka-1927, waze wasebenza njengogqirha. Ubengomnye woogqirha bokuqala abamnyama kweli lizwe.

Kwinkomfa yombutho weANC ngo-1940 wonyulwa ukuba abe ngumongameli walo mbutho. Ngo1943 wavula iofisi kazwelonke yalo mbutho eRhawutini.

Usebenzele lo mbutho iminyaka de imeko yakhe yempilo yaba maxongo nangakumbi ngonyaka ka1961 egula ngumhlaza, waza wasutywa kukufa ngo1962.

OkaSaule okwangumbhali weencwadi uthe eli lizwe liyabadinga abanye ooXuma. “Sele iyiminyaka uXuma engasekho kodwa iNgcobo isenjengakuqala; akukho mahluko ungako! Lowo yayingengomnqweno wakhe.

“UXuma wayenemvakalelo, enengqondo yemveli, esebenzisana nabantu edala uxolo, engathi kwakuxatyanwa abhebhethe.”

Uqhube wathi, “wayengumququzeleli owenza lo nto ifunekayo ngelo xesha ngokwenza oku woyisa izinto ezininzi. Umntu ongenazo ezi zinto kulula ukuba abe sisicaka somnye umntu.”

OkaSaule ugxile kwiingxaki ezombethe ulutsha leli lizwe. Uthe, “Eli lizwe lijongene nengxaki yokungaphangeli kolutsha kwakunye noqhankqalazo kumaziko emfundo ephakamileyo.”

Ukwathe idabi lemfundo yasimahla elilwelwa ngabafundi kumaziko emfundo ephakamileyo, liyafana nelo lalisiliwa ngabafundi baseJamani naseFrance ngeminyaka yoo-1960. Uthe la mazwe ayinxalenye yamazwe aphuhlileyo emhlabeni jikelele.

Obethethele usapho uBulelani Xuma uthe babulela kakhulu kweli qumrhu ngokuphakamisa igama likaXuma elizweni jikelele.