Makuthethwe ngezesondo nesono

INKQUBO yoMhlobo Wenene FM ethi Ukholo neNgqiqo, engena kusasa ngeeCawe, yinkqubo enqwabulula inyaniso futhi izathuze intlambululo kwabo babhuqeka zizono.

Abo bayiphulaphulayo, bayakuyazi ukuba inamacandelo ahlukeneyo le nkqubo.

Ndiza kubalula icandelo elithi Ezamakhaya, eli libangele ukuba ndibhale olu luvo lwam ngale nkqubo.

UMfundisi Mzukisi Faleni, obhexesha le nkqubo, kwakunye noMfundisi Otto Makalima, ongumvelisi, balenza isiqingatha seyure ukusukela ngentsimbi yesithandathu eli candelo lithi Ezamakhaya.

Kweli candelo lezamakhaya akonqeneki ukuva inkosikazi isithi “ndithandana nomnye umfazi kuba indoda yam ayindonelisi ebhedini” okanye “ndiye ndicinge ngale ndoda ndikrexeza nayo qho xa sele ndisabelana ngesondo nomyeni wam.” Asingomabhinqa kuphela azityanda igila kule nkqubo, namadoda ayangena athethe ngezono neziphene zawo.

Enye indoda yakhe yatsala umnxeba, ivuma isono sayo, isithi ikhathazwa ngumbono ombi ongasukiyo kuyo apho yathi yadlwengula ibhinqa likhala, licela uxolo. KwiziBhalo eziNgcwele, kwincwadi kaJohn wokuqala, kwisahluko sesithoba esifumaneka kwivesi yokuqala kufundeka ngolu hlobo: Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile [uThixo], ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

Incwadi kaJames wesihlanu, kwivesi yeshumi elinesithandathu, kufundeka ngolu hlobo: Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyoyisa.

Ngethuba abakwaSABC bebeseMthatha bebambe indibano yokuvavanya nokukhweba izimvo zoluntu malunga nohlenga-hlengiso lwemigaqo-nkqubo yeendaba neenkqubo zeli jelo losasazo loluntu, abantu – phakathi kwezinye zezigxeko – baye bagxeka Ukholo neNgqiqo, besithi bafuna zihluzwe izimvo zoluntu kweli candelo lithi Ezamakhaya. Ayiqali eyokugxekwa kwale nkqubo.

Abefundisi abaninzi abafuni nokuyibona, kuba bafuna angathethwa la mabibi bawenza egameni lenkolo. Kutheni le nto nifuna lufihlwe ukrexezo enilenza ezinkonzweni befundisi? Yinto yokuba nifuna nibonwe njengamalungisa kuphela, hayi aboni?

Yintoni egwenxa xa nithe nona, zicaka zikaThixo? Nisebenzela uBawo oPhezulu okanye nisebenzela abantu beli hlabathi? Iphela nje imizi yinto yokuba abatshatileyo, okanye abo bamanyeneyo, kukuba imiba engundoqo phakathi komfazi nendoda bayibetha ngoyaba. Isendalweni eyokuba indoda nomfazi badityaniswe luthando oluhamba luhambe luqamele ngesondo. Umnqa ngowokuba kwiingxaki zonke abanazo abatshatileyo eyezesondo basoloko beyibetha ngoyaba, kumaxesha amaninzi.

Kuyathethwa ngeengxaki zezimali, iimfuno zekhitshi okanye indlu buqu kuquka nenkangeleko yeso sibini esidlangalaleni kodwa nkqi ngomba wenkonzo yasekameleni. Nam lo buqu ndikhe ndabhala kweli phephandaba ngemiba echaphazela izincwaso nezesondo kwiityalike namaqumrhu aseburhulumenteni kuquka nalawo abucala.

Amava wam, kwicandelo lokubhala ngezincwaso nezesondo, andibonise ukuba abo bachaphazelekayo abafuni nokuba uphathwe lo mba. Bafuna ibeyinyewe yakwamkhozi, ingaziwa mntu.

Umbuzo ngowokuba: Kutheni le nto befuna zifihlwe izishiqi zabo? Kutheni le nto bebanomsindo ukuthetha ngazo xa bebuzwa ziintatheli? Kumnatha [webhusayithi] woMhlobo Wenene, uMfundisi Faleni uluchaza

Ukholo neNgqiqo njengenkqubo esisixhobo sokuvavanya ukholo lwabo bazibika njengamakholwa. “Sifuna abantu babenemibuzo kwimiba yezenkolo. [Abantu] mabohlule phakathi kweengqondo neentliziyo zabo, kuba [ingqondo nentliziyo] asizonto ezingabahlobo.

“Yinkolelo yethu kuKholo neNgqiqo ukuba abantu mabathethe ngezi zinto zifihlakeleyo [ezibatyayo] ukuze bafumane ukugcoba okungenasiphelo,” kutsho uMfundisi Faleni, kwintetho ekulo mnatha endiyiguqulele esiXhoseni.

Kudala ndawuphulaphula Umhlobo Wenene kwaye akukho nanye inkqubo endakhe ndazibona ndiyinxalenye nayo ukodlula Ukholo neNgqiqo.

Lo nto ayithethi ukuba andiziphulaphuli ezinye iinkqubo. Kule nkqubo akukho mntu unyanzelwa ukuba aphalaze imbilini yakhe, ngabantu ababona kufanelekile ukuba mabatsalele umnxeba bathethe ngezono okanye iziphene zabo. Xa kunjalo ke, yintoni egwenxa ngoKholo neNgqiqo?

Abantu kufuneka bayazi ukuba ngaphaya kwenkolo kukho isono, futhi ke elowo nalowo ufanele ukufuna intlambululo yeso sono ngelixa esaphila kulo mhlaba umagad’ ahlabayo. Makuyeke ukusetyenziswa inkolo njengesixhobo sokwenza izinto ezigwenxa.

Ukholo neNgqiqo lulunge kanye, ukusithundeza kwiziphene nezono zethu.