Makuvulwe iivenkile zeencwadi zesiXhosa

Aziyonyani ezi ngxelo zithi ziincwadi ezibhalwe ngolwimi lesiXhosa kuphela ezingathengisekiyo xa zixhonywe kwiivenkile ezithengisa iincwadi eMzantsi Afrika. Le mbono yokuba azithengiseki iincwadi zesiXhosa ide yabangela ukuba zingabikho phantse kuzo zonke iindawo zabucala ezithengisa iincwadi kweli.

Ezi venkile ziyazithengisa iincwadi zezinye iilwimi ingakumbi ulwimi lesiNgesi nesiBhulu, kodwa ezibhalwe ngolwimi lesiXhosa awusoze uzibone. Ubungqina bokuba asililo kuphela ulwimi lesiXhosa olungathengisiyo kwiincwadi ezixhonywe evenkileni, kutshanje enye yeevenkile ezithengisa iincwadi igalele ebhokisini iincwadi ezibhalwe ngolwimi lesiBhulu zithengiswa ngexabiso elithotyiweyo. Ingaba iincwadi ezibhalwe ngolwimi lesiXhosa zikhe zalinikwa ithuba lokuba zibe kwezi venkile, zithotywe anaxabiso ziphele mhlawumbi?

Ukuba iincwadi ezibhalwe ngolwimi lesiBhulu zikhe zingathengisi de zilahlelwe ngaphandle ngamaxabiso athotyiweyo, kutheni iincwadi ezibhalwe ngolwimi lesiXhosa zingenakulinikwa ithuba lokuba zizibonakalise ukuba zingathengwa na? Ingxaki yokuthengiswa kwezi ncwadi zibhalwe ngesiXhosa iba ngabanikazi bezi venkile abanambono wokuba kwenziwe iinzame zokuvula imalike yezi ncwadi zibhalwe ngesiXhosa. Ababhali bethu basabhala iinoveli, idrama, ingqokelela yemibongo bengenzi nzame zokubhala iincwadi ezahlukileyo. Kutheni ababhali besiXhosa bengenakubhala iincwadi ezithetha ngembali yobomi bosaziwayo othile, impumelelo yeenkokeli ezithile ekuhlaleni, amazwi enkuthazo kushishino njalo njalo. Ezi ziincwadi ezinokuguqula indlela olubonwa ngayo ulwimi ngabantu balo kunye nabantu bezinye iilwimi.

Ukuba ulwimi lesiBhulu lunganengxaki yokuthengisa zide iincwadi zithengiswe ngexabiso eliphantsi, lo nto ithetha ukuba ziinzame zabantu abathetha ulwimi lesiXhosa olunokwenza ukuba ulwimi lubuyele ezivenkileni. Kumele ukuba batshintshe indlela ababhala ngayo ababhali besiXhosa ngokubhala ngokuhambelana nala maxesha ukuze sikhuthaze uluntu ukuthenga ezi ncwadi. Abathandi, ababhali nabafundi bolwimi lesiXhosa mabavule iivenkile zeencwadi zesiXhosa ngokwabo.