Makuxhaswe uMthatha Bucks ke ngoku

Le ibiyiveki enkulu nenzima kakhulu kumaqela eli loMzantsi Afrika. Yenziwe kukuba amaqela ohlukeneyo alwela ukuhlala kwi-Absa Premier Soccer League, kodwa amanye azama ukufumana iindawo ezintle xa kuvalwa isizini. Lo nto yenzeka kwiPSL nakuyo iNational First Division.

Kulapho kanye abantu abaninzi kweli phondo bajonge khona ngenxa yoMthatha Bucks. Eli qela laseMthatha litsala nzima kwaNFD ukusukela ngomhla walo wokuqala.

Izizathu ezibangele ukusokola kwayo kuquka ukungafumani kakuhle ixesha lokuzilungiselela phambi kokuqala kwesizini. Babini abaqeqeshi abaqeshwe leli qela ekuqaleni, kodwa batsho bancama, balishiya kungekho mahluko bawenzileyo.

Kuthe kodwa kwakufika igqala lendoda ekudala isebholeni, uVelile Dyaloyi, kwacaca. Noko ngoku likhona ithemba nangona kusafuneka iqela eli lisebenze. Amathol’amnyama aqubisana neHighlands Park kumdlalo owandulela owokugqibela ngeCawe emalanga eMthatha Stadium.

Ngaphandle kwamathandabuzo, lo mdlalo uzakuba nobunzima ngoba iHighlands isenethuba lokuphazamisa iBaroka FC phaya phezulu.

Lo nto ithethe ukuthi umdlalo uzakuba kwizinga eliphezulu. Uphose ithuba lokuzikhupha engxakini uMthatha Bucks ngethuba uyeka iThanda Royal Zulu ufake amagowuli amabini okulinganisa kumdlalo obuphakathi evekini.

Umqeqeshi weli qela uDyaloyi uyakuqonda ukubaluleka kwalo mdlalo, nabadlali ngokunjalo.

Ukuba iiBucks ziyaphumelela iyakuba ziindaba ezimnandi ezo kwiMpuma Koloni yonke. Yiyo lo nto sisithi kweli qela malidlale ngokuzimisela okukhulu ngoba ithemba labantu beli phondo likubo. Abantu baseMthatha neziphaluka bayinxanelwe ibhola ekumgangatho ophezulu.

Kungakuhle ukuba nayo ingalandela iChippa United eqhuba kakuhle kwiPSL kule sizini.

Abantu mabaphume ngobuninzi bayokuqinisekisa ukuba badlala eyabo indima ngeCawe ebaleni.