Makuxhotyiswe abasetyhini bangabi ngamaxhoba okuxhatshazwa ngokwesini

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane uyalele ngelithi abasetyhini bafanele ukuxhotyiswa ukuze bazimele, bengaxhomekekanga madodeni.

UMabuyane uthi izinto ezifana nokuthwala zizinto ezibangwa kukuba uninzi lwabasetyhini alinako ukuzimela kwezoqoqosho, kushishinwa ngabo ngenjongo yokuba bayokondliwa apho athe wathwalelwa khona.

Ukuthethe oku ngethuba iphondo iMpuma Koloni lingenelela kwiphulo likaMongameli Cyril Ramaphosa lokulwa nomkhuba wokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana, kwindibano yokushukuxa umkhombandlela weli phondo ebibanjelwe eRegent Hotel.

Le ndibano ibichotshelwe nguMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uSiphokazi Mani-Lusithi, ikwazinyaswe nguMphathiswa wezeMpilo kwakweli phondo uSindiswa Gomba, owezoThutho noKhuseleko uWeziwe Tikana-Gxothiwe, imibutho yasekuhlaleni, amapolisa, iGunyabantu lezoTshutshiso neenkokheli zakwalizwi nezemveli.

UMabuyane uthethe wathi: “Sifuna ukuba eli phulo liyokufikelela eluntwini kwiiwadi abahlala kuzo, ingakumbi kootata kuba ngabo abenza uninzi lwezi zinto zimasikizi. Sifuna oomama balumke bangavumeli yonke into egameni lothando, umane usenzelwa izinto ezingatshongo khona ngumntu kuba ebethe uyakuthanda. Uninzi lwezi ziganeko zenzeka kumagumbi okulala.”

Ukwathe ukuxhatshazwa kwabakhwetha emabhumeni ngexesha lolwaluko kufanele ukuba nako kufakwe ngaphantsi kwalo mba wokuxhatshazwa ngokwesini.

“Sibhujelwe ngabakhwetha abangamashumi amabini anethoba, aba ngabantwana babantu abebeseze ngobuso, ukuza kuthi ga ngoku ngamawaka amathathu asindiswe kwizibhedlele, kodwa abanye babo baphulukene nobudoda babo,” woleke ngelo uMabuyane.

Ukanti uMphathiswa woPhuhliso loLuntu kweli phondo, uMani-Lusithi, uthe beyikomiti yephondo bafuna ukubona indlela umthetho osebenza ngayo utshintsha, ukuze amatyala okuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana aqosheliswe ngokukhawuleza.

Ukwathe: “Sifuna ukutshintsha izimilo zabantu abangunobangela wokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana, oninzi lwabo ingootata, sifuna ukukhangela oyena nobangela singurhulumente sisebenzisana nemibutho yoluntu, isifundisi, iinkokeli zemveli, amapolisa, namanye amalungu kwingalo yomthetho.”

UNkosi Ngangomhlaba Matanzima ojongene nokubuyiswa kwezimilo zokuziphatha, uthi nangona elixhasa eli phulo bayakuwuphosa umhlola ukuba le nto yenziwa ngokugxabhagxabhisa.

“Ibinga kungahlalwa phantsi kuhlelwe kakuhle, kungathiwa gxabhagxabhisani ixesha alikho. Ukusebenza ngelo hlobo kungenza siphose izinto zexabiso, kufuneka siqondane kuqala, siyayiqonda na ukuba yingxaki le sikuyo. Siyiqonda ngokufanayo, xa siyiqonda ngokufanayo yintoni ekufanele yenziwe,” uthethe watsho uNkosi Ngangomhlaba.