Makwenziwe into ngokufa kwabakhwetha

Wonke umntu unoxanduva lokudlala nayo nayiphi na indima enokunceda ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha kwiphondo laseMpuma Koloni.

Abakhwetha abasele bebalwe njengabo babhubhileyo kweli phondo kulwaluko lwasebusika, bakumashumi amabini anesibhozo (28). Linani elininzi kakhulu eli, nokuba bekuthiwa basibhozo abo babhubhileyo. Ewe iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, ngokwebali lethu ngoLwesibini, uvakalise ukuba kuza kuhlalwa phantsi kuqulunqwe umthetho ozakwenza ukuba bonke abo bathe gqolo ukuba ngunobangela wokufa kwabakhwetha, barhintyeleke-babanjwe.

Akwaba lo mthetho, nyhani ungasebenza khon’ ukuze kuphele lo bhubhane wabakhwetha. Lo mthetho kufuneka uphunyezwe phambi kokuba kuqale ixesha lolwaluko lwasehlotyeni. Kudala kuthethwa ngale ngxaki yokubhubha kwabakhwetha, nto nje nkqi! ukujikwa kweentetho ibe zizenzo.

Nyakenye, urhulumente wephondo ukhe waveza into yokuba kwiindawo apho kukho iingxaki kulwaluko, kuzakuveliswa inkqubo yolwaluko lwasesibhedlele. Iinkosi zawukhaba lo mbono, zisithi oku kukujongela phantsi isiko lolwaluko. Kukhe kwaphinda kwavela eyokuba ukolusa ebusika, kunganceda ukuba bayeke ukubhubha abakhwetha.

Bayekile ke? Ngokwenkcukacha ezathiwa thaca nguMasualle kwingqungquthela yolwaluko eMthatha ngo-Okthobha nyakenye, bangaphaya kwamakhulu amahlanu abakhwetha abasele bebhubhile eMpuma Koloni, ukusuka ngonyaka ka2006, lo gama likwakhona inani elivisayo labo baphulukene nobudoda babo ngenxa yalo mkhuba. Bekungaba ke urhulumente angasebenzisana neenkosi kwakunye neengcibi xa kuqulunqwa lo mthetho.

Kudala abantu bebulala abakhwetha, kodwa singavi kwanto, ngokumayelana nokubanjwa kwabo. Iphondo lethu laseMpuma Koloni, sele lijike layindawo yokuthukwa ngabantu abasigxeka njengabo bangakwazi kuqhuba masiko ngendlela. Lifikile ixesha ngokulokuba kuyekwe ukuthethwa nje, koko kwenziwe amalinge okurhintyela aba bantu babulala abakhwetha, ekubonakala ukuba ababuxabisi ubom babanye abantu.