Makwetu: Fundani eJoe Gqabi

OOMASIPALA abakwingingqi yaseChris Hani, Sarah Baartman nase-O. R. Tambo kufuneka bafunde koomasipala bengingqi iJoe Gqabi ukuba ziphathwa njani iimali kwaye zithini iimpawu zolawulo olululo.

Lo ngumyalezo okhutshwe ngumphicothi zimali jikelele (Auditor General) uKimi Makwetu izolo, emva kokubhengeza iziphumo zophicotho zimali zoomasipala beli lizwe.

Olu phicotho lolukanyakamali ka2014/15, nyakamali lowo uqala ngomhla wokuqala kweyeKhala ukuya ngomhla wokugqibela kweyeSilimela.

Oomasipala abahlanu kweli phondo – iJoe Gqabi (ingingqi), Sarah Baartman (ingingqi), iNgquza Hill (Flagstaff noLusikisiki), iSenqu (Sterkspruit, Lady Grey neBarkley East) neMatatiele – bafumene ingxelo ecocekileyo engenachaphaza (clean audit) kuMakwetu. Kwakhona amaqumrhu kamasipala amabini iJoe Gqabi Economic Development Agency neMandela Bay Development Agency, nawo afumene ingxelo ecocekileyo engenachaphaza.

UMakwetu uthe aba masipala baqhube kakuhle ngenxa yokuba:

* Baphucule iimeko zokusebenza;

* Banozinzo kulawulo;

* Banezakhono nomsebenzi ogqibeleleyo;

* Banolawulo oluxhasa urhulumento olusulungekileyo.

UMakwetu ubalule umasipala wenginqi iJoe Gqabi esithi: “Ukuqhuba kakuhle kwalo masipala kungenxa yeqonga lolawulo zimali abalimiselayo, nelibamba iindibano rhoqo ngenyanga.”

Oomasipala abafana neAmathole (ingqingqi), Amahlathi, Baviaans, Blue Crane Route, Camdeboo, Elundini, Emalahleni, Engcobo, Ntsika Yethu, Koukamma, Kouga, Maletswai neNxuba bafumene ingxelo encumisayo kodwa enechaphaza kolu phicotho (unqualified with findings).

Noxa nje kukuhle kwabanye oomasipala bephondo abanye oomasipala baqhube kakubi ingakumbi umasipala iKwezi (phaya eJansenville naseKlipplaat) kwiKaroo ongakhange udlulise kwa amaxwebhu ophicotho kwi-ofisi kaMakwetu. “Umhla wokugqibela wokufakwa kwamaxwebhu ibingumhla wama-31 kweyoMqungu ngo2016, lo masipala iKwezi awukhange uwafake loo maxwebhu ophicotho,” kutsho uMakwetu.

Apho kukubi khona kuseNkonkobe naseSajonisi, kuba kwaba masipala kunzima ukuxela ukuba bayenze ntoni imali yabo, ngokwengxelo.