Malema: Masizingce ngeAfrika ngokufunda iilwimi zayo

INKOKELI yeEFF uJulius Malema ubongoze abazali ukuba bakhuthaze abantwana babo ukuba bazingce ngeAfrika ngoku bafunde ngeelwimi zenkobe zeli zwekazi.


“Abo banethamsanqa lokusa abantwana babo kwizikolo ebezifudula zisaziwa njengeModel C, mabangayivuyeli into yokubona abantwana babo befunda iilwimi ezongezelelweyo njengeChinese (Mandarin) nesiFrentshi,” utshilo uMalema, kwimvulamazwi yakhe kwinkomfa kazwelonke yalo mbutho ebanjelwe eNasrec eRhawutini.


UMalema ubalule ulwimi oluthethwa kumazwe aliqela aseAfrika, isiSwahili, njengolwimi ekufanele ukuba abazali bakhuthaze abantwana babo balufunde ukuze bazi banzi ngeAfrika.

“Abantwana abasakhulayo mabazi banzi ngeAfrika. Umntwana makalwazi ulwimi oluthethwa eTanzania. Ngaphandle kokufunda isiXhosa, isiZulu neSepedi, abantwana mabakhuthazwe ukuba bafunde banzi ngeelwimi zaseAfrika,” utshilo uMalema.

NgoMgqibelo, uMalema uvule ngokusesikweni, ngokuthi thaca ingxelo yezopolitiko, kwinkomfa kazwelonke yeEFF ekulindeleke ukuba iqhube de kube ngoMvulo.