Malema: Ndinomphako ngo-Oscar noPhumulo

Inkokheli ye-EFF uJulius Malema indwendele ilokishi iDuncan Village eMonti, iqela le-EFF liza kubhiyozela iminyaka emihlanu lasekwayo kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsaneUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UMGQIBELO mnye ngulo! UJulius Malema uthi uza kuqhaqha amabholo ejolise kwiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle kwanoSihlalo weANC ephondweni uOscar Mabuyane.

Esi sisithembiso esenziwe yinkokeli yeEFF uJulius Malema kule veki ngethuba ethetha nenkungula yabalandeli nabaxhasi balo mbutho eDuncan Village, kumsitho ohlakulela imibhiyozo yeEFF eSisa Dukashe Stadium eMdantsane apho lo mbutho uza kube ubhiyozela ukugqiba iminyaka emihlanu wasekwayo.

UMalema ubongoze abo baza kuba yinxalenye nalo mbhiyozo, ukuba bazibekele umbhiyozo wosuku lonke langoMgqibelo, bafike kwangethuba ebaleni.

“NgoMgqibelo ndiqhaqha amabholo wezobuqhophololo, ndiqala ngeNkulumbuso [uPhumulo Masualle] noOscar Mabuyane. UOscar yena uxakile. Ngalo mhla [uMgqibelo] siza kuxela ncakasana indlela esiza kulwa ngayo nabantu abanobuqhophololo,” utshilo uMalema.

“Nonke ningaba bahlali ninganazo izindlu, umbane namanzi, kodwa abo banobuqhophololo beba imali yenu. Akufanelanga ukuba kukho umntwana waseDuncan Village abenexhala xa kuna imvula kuba engayazi ukuba uza kuya njani esikolweni. Sifuna isidima somntu omnyama sithathelwe ingqalelo. Lowo ngumzabalazo wethu,” utshilo uMalema. Iinzame zokufumana uluvo lukaMabuyane noMasualle ziphanzile.

Ukusekwa kweEFF ngo2013, kutsho uMalema, abaninzi babesithi “iza kufa le nto njengeUDM. Kodwa siselapha! Esona sizathu seEFF likamva lomntu omnyama. Siza kuqhuba sisilwela umntu omnyama.”

UMalema ubongoze abahlali baseBuffalo City ukuba ibe ngabo abafika kuqala eSisa Dukashe njengoosotheko. “Siza kuxhela iinkomo ezilishumi. ISisa Dukashe iza kugcwala qhu. UCyril Ramaphosa uza kunyukelwa yiswekile xa ebona loo nyambalala.”

Phakathi kwabantu abathethe kumsitho weEFF eDuncan Village nguSendikho Elliot Ngqawuza ongaboniyo, othe uneminyaka mihlanu ephanyakile. “Ndizamile ukufaka isicelo sendlu kodwa ngaphandle kwempumelelo, ndicela wena Julius neEFF ukuba nindincede ngendawo yokuhlala.”

Ukuphendula, uMalema uthe baza kumlwela uNgqawuza, afumane oko akunqwenelayo ebomini bakhe.

USekela Mongameli weEFF uFloyd Shivambu uthi nangona nje bonke oomasipala bephondo beza kumelwa kulo mbhiyozo, uninzi iza kuba ngabantu baseBCM. UShivambu ukwathe kuza kubakho iimvumi eziliqela eziza konwabisa eSisa Dukashe. “Sineendwendwe esele ziqinisekisile ezisuka eLiberia, Namibia, Zimbabwe.”

Lo kaShivambu uthi iMpuma Koloni liphondo elineengxaki, kwimiba yezemfundo nezempilo, kwaye oko kufuna iEFF “eluqilima” kweli phondo ukuze kutshintshe.

“Le ntetho yangoMgqibelo iza kugqala umkhombandlela wonyulo lonyaka ozayo, apho sifuna ukuzuza iivoti ezingamashumi alithoba ekhulwini (90%) kwilizwe liphela,” utshilo uShivambu.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za