INKOKHELI yeEFF uJulius Malema uthi bakuhlala besecaleni kweKumkani yabaThembu, uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo, ngamaxesha amnandi namabi.
UMalema ebethetha eMthatha ngeCawe ngethuba iEFF ikule dolophu ukugayela inkxaso kunyulo loomasipala oluza kubanjwa kwiveki ezayo.
UDalindyebo ebewuzimasile umsitho weEFF wokugaya inkxaso obubanjelwe eMandela Park kwaWadi 11 phantsi komasipala waseKing Sabatha Dalindyebo (KSD).
Kwimvulamazwi yakhe uDalindyebo uthe: “Viva CIC (Commander In Chief) Viva! Phatha EFF Phatha! Mayibuye iAfrika! Izwelethu, iAfrika!”
UDalindyebo ucele abaThembu ukuba bavotele iEFF.
“Bantwana bomthonyama, bantwana abahle. Nasuke naba bahle nafana nam, ingathi niyayazi apho ivoti yenu niza kuyifaka khona. UMthembu noMthembu othanda ubuzwe, uMthembu noMthembu othanda inguqu, uMthembu noMthembu othanda intlalakahle, uza kuvotela iEFF.
“Niyayazi ke ukuba andinilahlekisi. Njengokuba ke iKumkani ingamelanga kuvota, kodwa kweli tyeli iza kuvota. Iza kuvotela bani kanene?” kubuze uDalindyebo, ze baphendula abalandeli balo mbutho besithi “EFF”, nalapho ithe yanqwala le Kumkani isithi “Halala, yasuka yahlala”.
UMalema wenze umbulelo kuDalindyebo ngokwamkela iinkokheli zeEFF.
“Sibulela kwiKumkani, kuba uye wasamkela kwindawo ahlala kuyo. Siyamqaphela ke uKumkani kuba yeyona Kumkani yokwenene. Sakuhlala sinaye ngamaxesha amnandi namabi.
“Silapha ukutsho ukuba xa ufuna utshintsho uza kuvotela iEFF ngomhla wokuqala kweyeNkanga, kuba iEFF ngowona kuphela kombutho oza kukhupha amasela kulo masipala (KSD),” utshilo uMalema.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!