Malema: Sizakumlwa ade ashiye esikhundleni uZuma

“SIZAKUMLWA de ashiye i-ofisi yobongameli uZuma.” Ufunge watsho umongameli weEFF uJulius Malema kwintlanganiso yalo mbutho noluntu lwaseGcuwa.

OkaMalema ebekwiphulo lokugaya inkxaso kweli leMpuma Koloni naliqale ngoLwesine eCofimvaba, naliqoshelise eBhayi njengikalanga yayizolo.

Uxelele abahlali baseGcuwa ukuba uJacob Zuma wophule isifungo se-ofisi yobongameli, kwaye akasenguye umongameli.

Uthe, “UZuma akasokuze aphinde athethe kula Palamente sikhona, waphelelwa kukongamela mhla wophula isifungo sakhe sokongamela.”

Uqhube wathi, “Xa ungumalume odlwengula abatshana uphelelwa sisidima, bakubiza ngegama kuba baqhele ukukubona unqunu, ngoko ke awukwazi ukhalaza uthi awuhlonitshwa. Xa ufuna ukuhlonitshwa zihloniphe, gcina iziphu yakho ivalekile.”

Ukwathe, iEFF ayihloniphi bantu ngokobudala okanye amaqela ezopolitiko abazibandakanya nawo, ihlonipha kuphela abo baziphethe ngokwendlela efanelwe yintlonipho.

“Ukuba uKgalema Motlanthe ufika apha kubekho umntu angabonakalisi ntlonipho kuye awudingi mvume yakhe, mbethe ngempama. UKgalema yindoda efanelwe yintlonipho, hayi kuba emdala, ngenxa yendlela aziphethe ngayo. Akalolungu le-EFF, ulilungu leANC, kodwa asihloniphi bantu ngokwemibutho yezopolitiko, sihlonipha ukuziphatha.”

UMalema ukwathe, uZuma zange afunde sifundo kwityala lokudlwengula awayejongene nalo kuba wasuka apho wayolala nentombi kaKhoza wade wayimithisa.

Ukwathe iPalamente asiyocawa, yindawo yengxoxo mpikiswano. “Kufuneka ume kwinto oyithethileyo kuba xa besithi rhoxisa lo nto uyithethileyo nawe uthobele akukho nto uyoze uyithethe,” utshilo uMalema.

Uthe iinkundla ziyavumelana namanyathelo athatyathwa liqela lakhe kuba inkundla yezibheno ngolwesihlanu igwebe ngelithi akukho nto ingafanelekanga xa besithi uCyril Ramaphosa ngumbulali.

“Amaqela aphikisayo esifike ephaya akukho nto awakhe ayitshintsha, kuba axelelwa yiANC ukuba makayiphikise njani,” uqhube watsho okaMalema.

Ukhwele ezehlela kurhulumente weANC ngokuyeka iMpuma Koloni ukuba ibe sisigqubu sorhwaphilizo.

“Ngexesha loorhulumemente bamaphandle, uMthatha wawungumzekelo wedolophu yasemaphandleni, kodwa ngoku ukwisimo esibi kunangexesha lokongamela kukaMatanzima,” uMalema, uthi eli phondo kufanele libephantsi korhulumente.