Malibuye neembasa iqela le-Olimpiki

Izolo umbutho ojongene ne-Olimpiki kweli loMzantsi Afrika, iSascoc, ubhengeze abadlali boMzantsi Afrika abazakuya kumela isizwe eRio.

Abanye bashiywe ngasemva kodwa ndiqinisekile ukuba eli iqela likhethiweyo liza kuwenza umsebenzi. Kwalapha kubo bakhona abanamava e-Olimpiki kwaye abakhe baphumelela iimbasa ezibalulekileyo kubo, singabalula iKhotso Mokoena noCaster Semenya.

Ngelixa kusenziwa amalungiselelo ukwenzela ukukhetha iqela lokugqibela, uCaster uzibalule phakathi kwabadlali abadlale ngokuzimisela kakhulu kwaye ebesoloko ephuma kwindawo yokuqala. Iqela labadlali abadadayo lizakube likhokelwa nguChad Le Clos owaphumelela imbasa yegolide eLondon ngo’2012 uzakube ehamba noCameron van der Burgh. Olunye ukhetho lwabadlali oluzakwethusa abantu abaninzi lolo lwenziwe ngumqeqeshi weSpringbok Sevens uNeil Powell, xa ebetyumba abadlali abazakumela iBlitzboks.

UPowell uchwethe uSiviwe Soyizwaphi noBrian Habana abazibonakalise kakuhle kakhulu kwimidlalo yokugqibela. Nangona kunjalo uJuan de Jongh kuphela komdlali odlala kwiSpringbok otyunjiweyo ukuba ancedise iSevens, eRio.

Amagqala amabini eBafana Bafana, unozinti * -Itumeleng Khune nomdlali wangemva * -Eric Matoho – esi sibini ngabadlali ababini abaneminyaka engaphezulu kwamashumi amabini anesithathu, abazakukhapha iqela lesizwe lebhola ekhatywayo.

Ukudlala kwi-Olimpiki liphupha lakhe nawuphi na umdlali, kwaye lithetha lukhulu elowonga kulowo ulifumeneyo. Amaqela esizwe kudala ezilungiselela ukusukela kwiimbaleki ukuya kutsho kubadlali bebhola ekhatywayo basetyhini. Umqeqeshi uVera Pauw kudala ewapheka ewophula la mantombazana ukuqinisekisa ukuba azakube esemcimbini xa kusiyiwa eBrazil.

Imbaleki uClarence Munyai ebemincile, kuba ebebona ngathi liyamzimela iphupha lakhe lokuya kwi-Olimpiki.

Yanga aba badlali batyunjiweyo, labekwa kubo ithemba loMzantsi Afrika, bangadlala ngokuzimisela, babuye neembasa kangangoko.