Malingenziwa intlekisa iqela lesizwe kwasithi

Namhlanje ndizakuqwalasela isiganeko esenzeke kwiveki ephelileyo ebholeni. Emva kokugqwidiza kwaBafana Bafana kwitumente yezizwe zalapha e-Afrika (2015 Afcon) ebutsheni balo nyaka, izinto zibembi ngakumbu xa siphinda sikhutshwa kwakusasa kwitumente yeCOSAFA ebisingethwe nguMzantsi Afrika.

Iqela likaShakes Mashaba aliqhubanga kakuhle – iintolo mlilo zitshulwe ngqo kumqeqeshi ngabalandeli bebhola. Ewe, nguye owayekhetha abadlali abazakuthatha inxaxheba kula tumente. Wothusa abantu uMashaba ngokuthi akhethe iqela elinabadlali abatsha nabangenawo amava kwimidlalo yezizwe.

Wayenalo ithuba lokufumana abadlali bokubuyisa isidima selilizwe – kodwa wawa phantsi ekwenzeni oko. Iqela eli zange lifake nelinye igowuli, ntoleyo ibe lihlazo elikhulu kubantu abadlalela ekhaya kodwa lo nto ingenzi mohluko. Ekuqaleni kweveki ephelileyo, amakhwenkwe kaShakes abethe ilizwe lase-Angola ngo 2-1 kumdlalo wobuhlobo obuse Cape Town Stadium – emva koko eliqela lilungiselele umdlalo walo olandelayo nelizwe lase Mauritius.

Kuthe xa kuphakathi evekini kwavakala iindaba ezithi amaqela ePSL arhoxise abadlali bawo – kwashiyeka ibathwana labadlali. Ubafumene umqeqeshi abadlali abangene kwiindawo zabo bathathiweyo.

Umbuzo; kutheni lento amaqela engatshongo kuShakes ukuba makafune abanye abadlali kwangethuba? Umdlalo obungosuku lolutsha ubudlalwa nangabadlali abadlala phesheya – khange badlale neMauritius kuba ibingumdlalo weCHAN edlalwa ngabadlali abadlala e-Afrika kuphela.

Imbi into eyenziwe ngamaqela ePSL, ukumenya uShakes ngexesha elungiselela umdlalo ngolwahlobo, kuchaza ukuba asilikhathalelanga iqela lesizwe.

Nokuba akasonelisi na uShakes Mashaba ngale ndlela sifuna ngayo kodwa malixhaswe ngokupheleleyo iqela lesizwe.