Maluqhube Uhambo, le nkululeko igcigca igazi

Lupho Ngetu, Jongile Hoza (kwisitulo) noAyanda Fana

“Bendinganomdla wokubona lo mdlalo weqonga wenu ujikeleza lonke eli phondo laseMpuma Koloni. Ungapheleli apha eGinsberg, eQonce, ngoba ezi zizinto ekumele ukuba ziyafika nakwiilali zethu!” kutsho uPhumeza Skoti, oxelenga kwibhunga lokulondolozwa kwamagugu namafa eli.

Oku ukuthethe emva kokubukela Uhambo – umdlalo weqonga odidiyelwe nguAyanda Fana – ngosuku lokubhiyozela ukuxhamla inkululeko kweli (27 Tshazimpuzi 2017).

Cinga la malume wasoloko ezintyintya ngeenyembezi zikaViktoliya.

Cinga la malume wasoloko ekhala ngeentsuku zakhe zomzabalazo.

Cinga la malume ongazange afumane dumo emva kokulwela isizwe.

Cinga la malume ongazange afumane msebenzi untonfontofo.

Cinga loo malume, ekwisitulo esinamavili, ephila obobomi bokungabonakali elokishini.

Lo mdlalo weqonga kukungqubana kwezizukulwana ezahlukeneyo; umfundi (odlalwa nguLupho Ngetu), ubhudas oziphandelayo waselokishini (odlalwa nguAyanda Fana) kunye nomalume lo oyingxwelerha yembali yoMzantsi Afrika (odlalwa nguJongile Hoza).

Yinxubevange yomculo, umxhentso kunye nokulingisa okungayiwayo esinokuthi uthetha kakuhle ngakumbi nabantwana besikolo nabo banomdlwa kwimbali yengcinezelo kweli lo Mzantsi Afrika. Ithi qhwi qhwi kwiziganeko ezifana nenyhikitya yaseSharpeville, ukugwetywa kukaMandela, ukubhubha kukaSobukwe uhambe uhambe uzokuqhina kwintlalo yomntu ontsundu namhlanje.

Ukushwankathela uluvo lwababukeli singathi bathe: “Indenze ndanomdla ngakumbi kwipolitiki ngenxa yendlela abayenze lula ngayo”, “ipolitiki ayinikisi mdla kodwa xa isenziwa kwiqonga, apha ekuhlaleni, uye ukwazi ukuphulaphula” kwakho nothe “ingxaki iqala pha esikolweni apho sifundiswa imbali engeyoyethu, ngoku siziqaphela ebudaleni ezi zinto zibaliswa apha kulo mdlalo weqonga, sifunde lukhulu!”

Nangona uluvo olubalaseleyo luvakalise umbulelo kweli qela lidlale kulo mdlalo kuye kwakho noluvo oluthi “kudala siyibaliselwa le mbali, kutheni kungenziwa imidlalo yeqonga ezama ukuzoba ikamva lomntu ontsundu ngoku. Sakuhlala sixinge kule mbali de kube nini?”

Esinye isigxeko esinokusibeka phambili ngumba wokuqaqambisa utywala nokuyenza into eqhelekileyo intselo kubantu bakuthi. Amanxila asiyonto isisiqhelo. Kufuneka siyilwe ngoba ikwalutshaba lwethu olutsha kwiindawo esihlala kuzo. Umalume lo kulo mdlalo weqonga, uye onwabise kwaye kuvakale ababukeli begigitheka qho xa izakuba lityeli lakhe lokulingisa ephethe ipatyupatyu lakhe lomdiliya omfaxangiweyo. Kuyafuneka ukuhleka ngoba kusikhulula kwintlungu egqithiswa ngulo mdlalo, kodwa abadidiyeli balo mdlalo bebenethuba lokuzekelisa ngobungantweni bomntu osela utywala. Kodwa utywala buphele buyeyona nto yonwabisayo negxininise isiqhelo sokuba inyani ifumaneka kumanxila odwa.

Othethela iSteve Biko Foundation (SBF) nebisingethe lo mdlalo kwithiyetha yabo eseGinsberg, uXolisa kaPakati, uvale ngelithi “sile liziko sixhasa ngokunkcenkceshela uthando lwezenkcubeko nobugcisa njengezixhobo zophuhliso.”

– Siliphepha siwunika iinkwenkwezi ezisixhenxe kwishumi (7/10).