Mancoba: Utata uzovuka ekufeni

Kwiyadi yeSeven Angels eNgcobo

INKOKELI yebandla elingundaba-mlonyeni iMancoba Seven Angels’ Ministries Church eNyanga, eNgcobo, ithi utata wayo uSiphiwo Mancoba akusentsuku zatywala avuke engcwabeni.

USiphiwo Mancoba, owaseka eli bandla kwiminyaka yoo1980, ubhubhe ngoTshazimpuzi ka2015. Ngethuba ebhubha uSiphiwo waxelela irhamente yakhe ukuba mabamlinde kuba uza kuvuka ekufeni abuyele ebandleni kungekudala.

I’solezwe lesiXhosa lenze udliwano-ndlebe nonyana kaSiphiwo, uBanele Mancoba (30) kwikhaya likaMancoba eNyanga, apho amapolisa adubule abulala abantu abasixhenxe ababandakanyeka kwisehlo sokubulawa kwamapolisa amahlanu nejoni eNgcobo kwiveki ephelileyo.

UBanele uthi kumdanisile ukubandakanyeka kukamkhuluwa wakhe uThandazile Mancoba kwisehlo sohlaselo kwisikhululo samapolisa aseNgcobo. UBanele ungqinile ukuba uThandazile nguye obekhokela uhlaselo kumapolisa aseNgcobo. UThandazile uphakathi kwabo bathe badutyulwa babulawa ngamapolisa.

UBanele uthi wayesebenza eKapa kodwa kwanyanzeleka abuyele kowabo ngenxa yomyalelo katata wakhe.

“Utata wasiyalela sonke singabantwana bakhe ukuba siyeke isikolo sisebancinci. Sathi sisasebenza sinjalo, waphinda wasiyalela ukuba masibuyele ekhaya sizokuhlala iminyaka emithathu enesiqingatha,” utshilo uBanele.

“Ngokwesiprofeto sikatata (Siphiwo) akusekudanga ngoku ukuba avuke ekufeni. Yiyo le nto ubona abantu beyeke imisebenzi yabo, abanye bencame amakhaya abo. Bafuna ukuba yinxalenye nosapho lakwaMancoba, ukuze mhla abuyayo afike kukho aba bantu wayebashiye ebandleni lakhe,” kutsho uBanele.

UBanele uthi ukhe wafunda uGrade 1 kancinane ngo1995 kodwa wayeka phakathi. “Kodwa ndithetha nje nawe ndiyakwazi ukubhala nokufunda isiNgesi. Ngethuba ndandiphangela eKapa, ndandiyingcungela echolachola iinkcukacha zenkampani ndisenza umsebenzi wabantu abafundileyo. Utata ebekholelwa ukuba umntu angaphumelela nokuba akanaso isikolo,” utsho uBanele.

UBanele uthi utata wabo wabaxelela ukuba ikamva labo likuYehova, hayi esikolweni.

Uthi akasithandi isiNgesi sasehlabathini, kuquka noMzantsi Afrika. “Eyona ndawo ndiyithandayo ngokwesiNgesi yiZimbabwe.”

Kwizankxwe eziphuma nkalwana zonke zisithi malivalwe ibandla lakwaMancoba, uBanele uthe: “Ikhaya lakuthi alizukuvalwa, bangayivala inkonzo kodwa hayi ikhaya lakuthi.”

Ngokwemibono yakhe, uBanele uthi ikhona into entle ezayo ebomini bakhe. “UBawo uza kundivuza, sokuze andiyekele nje.”

Ethetha ngomhla wesehlo sokudutyulwa kwabantu abasixhenxe ekhayeni lakhe, uthe: “Ndathi ndakuva ukuba kuyahlaselwa, ndaphuma ngefestile. Ndabaleka ndaya entabeni. Ngokokhuseleko lwalapha ekhaya, umntu onompu uyakufa ngompu, onemela uyakufa ngemela.”

UBanele uthi iza kutshiswa imizimba yabantakwabo abathathu ababhubhileyo. Uthi notata wakhe watshiswa ukubhubha kwakhe.

Simbuza malunga nomngcwabo wabanye abane ababhubhele kwaMancoba, uBanele uthe: “Iintsapho zabo zisenomsindo kuba zigxeka ibandla eli, ngoko ke andinalwazi lokuba ziza kungcwaba nini.”