Mancotywa: Wafa eyimpula kalujaca uOom Ray

Ingqonyela yebhunga lamafa esizwe (National Heritage Council) uAdvocate Sonwabile Mancotywa, kwipalamente yephondo eBhisho ngoLwesine, ngethuba esenza intetho yesifundo ngobomi bukaRaymond Mhlaba. Umfanekiso: Siyanda Jantjies

 Igqala lomzabalazo uRaymond Mhlaba, owabayiNkulumbuso yokuqala yephondo laseMpuma Koloni, wabhubha elihlwempu into ebonakalisa ukuba wayeyinkokeli engajonganga siqu sayo.

 

Oku kuthethwe yingqonyela yebhunga lamafa esizwe (National Heritage Council) uAdvocate Sonwabile Mancotywa, kwipalamente yephondo eBhisho ngoLwesine, ngethuba esenza intetho yesifundo ngobomi bukaOom Ray, nanjengoko esaziwa njalo uMhlaba.

 

UMhlaba wazalelwa eBhofolo, ze ekukhuleni wazibandakanya nomzabalazo. Wayeyinxalenye yamabanjwa etyala laseRivonia athi agwetywa ngo1963 phantsi kwetyala lobhukuqo-mbuso.

 

UMancotywa, owayengumphathiswa wezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko phantsi kwekhabhinethi kaMhlaba, uthi kuninzi okungathi kufundwe kuOom Ray ziinkokeli zanamhlanje.

 

“U-Oom Ray ngumzekelo wenkokeli esinokufunda kuyo thina zinkokeli zanamhlanje. Ku-Oom Ray, isikhundla eburhulumenteni kwakufana nebhaso. Ulisebenzele eli lizwe kwaye ubuninzi beengcingane zakhe azaziwa ngabantu abaninzi beli,” utshilo uMancotywa.

 

“Nangona nje uOom Ray wayenamava athe xhaxhe kumzabalazo weli, wayezihloniphile izimvo zezinye iinkokeli nangona zazingaphantsi kuye ngeminyaka,” utshilo uMancotywa.

 

UMancotywa ukwavakalise ukuba kukwizicwangciso zakhe ukubhala incwadi ngobomi bukaMhlaba. UMhlaba ubhubhe ngonyaka ka2005 eneminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu.

 

Ukanti umasipala waseRaymond Mhlaba, owenziwa yidolophu yaseBhofolo, Dikeni, Bedford, Adelaide, Xesi, Balfour neSeymour – uvakalise ukuba ukwizicwangciso zokwakha umfanekiso oqingqiweyo kaMhlaba.