Mandela: ‘Kungakuhle xa kunokuyekwa unomphelo ukuthengiswa kotywala’

UNkosi Mandla Zwelivelile Mandela UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/ ANA

INKOSI yaKuMvezo eMthatha uMandla Zwelivelile Mandela uthi utywala ngumbulalazwe, watsho esithi ilizwe lingazuza nto xa inoyekwa unomphelo into yokuthengiswa kotywala okanye kupheliswe ukukhuthazwa kwako.


UMandela ebephefumla emva kwesicelo sendibanisela yabo bathengisa utywala iGauteng Liquor Forum ebhalele uMongameli Cyril Ramaphosa isithi icela imvume yokuthengisa utywala phantsi kwemiqathango ngeli xesha lokuvalwa ukuhambahamba koluntu elizweni.

URamaphosa uza kuphendula ngoLwesihlanu kwesi simemelelo seGauteng Liquor Forum.

Kodwa uMandela, okwalilungu lePalamente, ucele uRamaphosa ukuba angasinaki esi simemelelo esithi “siyalahlekisa”.

“Ibubuvuvu eyokufuna ukuba kuthengiswe utywala kwilizwe apho linezehlo [ezibangelwa butywala]. IGauteng Liquor Forum ibeka imidla yayo yezoqoqosho phambili endaweni yemidla yelizwe.

“Singenza kakuhle kakhulu sililizwe ukusebenzisa oku kunqumama ukuze bungathengiswa kwaukuthengiswa utywala okanye kuthityazwe ukukhuthazwa kwako. 

Simelelela kuMongameli, uMphathiswa woRhwebo noShishino ukuba bangagobi uphondo kuxinzelelo olufakwa yiGauteng Liquor Forum kwaneshishini lotywala lilonke,” utshilo uMandela.