UMayibuye Melisizwe Mandela, ongumzukulwana kaNelson Mandela, umemelela uluntu loMzantsi Afrika ukuba luqhube uqhankqalazo ePitoli ngomso lubonisa ukuchasa ukubekwa kukaCyril Ramaphosa njengoMongameli.
URhulumente weli umaxhaphetshu elungiselela ukubeka uCyril Ramaphosa njengoMongameli ngokusemthethweni emva konyulo oluqhutywe kwinyanga ephelileyo.
Nangona kunjalo, kukho izikhalo ezininzi malunga nendlela oluqhube ngayo olu lonyulo nezigqibo zokusebenzisana kweANC nemibutho equka iDA neFF Plus.
UMandela uthi ukusebenzisana nale mibutho kucacisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba iANC ithengise ngabo ebelungwini.
“Kufuneka siqhube uqhankqalazo ngaphandle kwezakhiwo zomdibaniso ePitoli sibonisa ukuchasa kwethu ukumiselwa kukaRamaphosa,” kucacisa uMandela.
Uthi lilungelo labo ukwenza oko, kwaye bajonge ukwenza oko ngaphandle kokusebenzisa ubundlobongela. “Oku kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba iANC ishenxile kwimigqaliselo eyamiselwa kumqulu wenkululeko, ayiyonto yobuhlanga le,” kutsho uMandela.
Kwincwadi ayibhalele kumakhasi onxibelelwano uMandela utyhola iANC ngokusilela ukunika abantu izinto abazidingayo ezihambelana nenkululeko.
“Kufuneka sibabonise ukuba asihambelani noluvo lokuba basebenzisane neDA neFF Plus, ngenxa yoku babonakala bengakhathali ngeemfuno zabantu abamnyama abasasokolayo kunanamhlanje oku,” kutsho uMandela.
Uhambisa athi kuyabonyanyisa ukuba iANC ishiye imibutho eneembono ezihambelana nomqulu wenkululeko ikhethe ukusebenzisana notshaba.
“Simemelela kubo bonke abantu boMzantsi Afrika ingakumbi ulutsha ukuba babonakalise ukuchasa kwabo ukubekwa kukaRamaphosa,” kutsho uMandela.
Ukusukela oko kwamiselwa uRhulumente wentando yesininzwe kweli kuyaqala ukuba uluntu lubonakalise ukuchasa kwalo ukumiselwa koMongameli ngenxa yokunganeliseki.
“Ikho imibutho efana ne-EFF, MK, ATM, UDM abanokusebenza nayo, kuba leyo yimibutho eembono zisondeleyo kumqulu wenkululeko yabantu,” ugadlele watsho uMandela.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile