Ndlela le simthanda ngayo ongasekhoyo utata uNelson Mandela singabantu jikelele. Andiqondi ukuba ukhona ongenamdla nofuna ukuyazi ukuba uMadiba lo ebephila ubomi obunjani, engumntu onjani phakathi kosapho lwakhe.
Yenze ke lo nto zithi nta iindlebe zethu xa kukho into enegama lakhe, ingakumbi xa izakusityebisela ngobomi bakhe basekhusini.
Nangoku jonga amehlo athe gqa, sijonge ngeliso lokhozi incwadi ebhalwe ngugqirha katata uNelson Mandela esihloko esithi, Mandela’s Last Years.
Le ncwadi ibhalwe nguGqirha Vejay Ramlakan, nobeyinkokeli yeqela loogqirha elalinyanga uMadiba. Kule ncwadi kuthiwa uRamlakan lo uchaza ubomi bukaMadiba nezigulo zakhe kususela kwiminyaka emithandathu kuze kuse ngala mhla intshoba lalala umbethe ngalo.
Eyona nto ke eyenze le ncwadi ibe ngundabamlonyeni ngakumbi yeyokuba unkosikazi uGraca Machel uthe uzakuthumela amagqwetha wakhe ayinqande le ncwadi ukuba ipapashwe kuba iveza imiba yabucala ebuthathaka kakhulu.
Ngexesha ndibhala esi sicatshulwa le ncwadi iye yakhutshwa ezivenkile yabuyiselwa emva ngenxa yale nto. Ugqirha lo obeyibhala uthi yena wayifumana imvume kwilungu losapho lakwaMandela, kodwa ke igama le lungu alide livele kuthi ukuba ngubani.
Eyona nto mna indenza ndinxunguphale yile nto yokunqandwa kokupapashwa kwale ncwadi yile yokuba ndicinga ukuba noko siluluntu sinalo iliungelwana lokuyazi ukuba inkokheli yethu esiyithanda kunene iintsuku zayo zokugqibela izichithe njani.
Ibisele ipapashiwe futhi ithengiswa le ncwadi ngoMvulo wale veki, kodwa kwahlwa sekusithwa mayibuyiselwe apho ibivela ngenxa yokuhlonipha izimvo zikamama uGraca Machel.
Uvelile ke noMandla Mandela esithi belusapho bayamxhasa umama uGraca nelikhwelo lokuchasa upapasho lwale ncwadi. Yandenza ke lo nto ndizibuze ukuba azi lo kaRamkalan uyithathe kubani ncakasana le mvume yokubhala apapashe le ncwadi.
Kwaye xa bekumisile ukuthengiswa kwayo kucacile ukuba lemvume kuninzi okukrokrisayo ngayo.
Mna ke nanjengomntu okude emfuthweni walo mba, ndishiyeka ndisiva ingathi ndiqhathiwe ngokuba le ncwadi ibizakuba ngumlebelo omnandi kwibali lobomi bale nkokeli.
Kaloku kuLong Walk To Freedom sibaliselwa ngebali lobomi bukaMadiba, ukusukela ekuzalweni kude kube kukungena kwakhe kwi-ofisi yobongameli.
Bekungenakuba kuhle na ukuba le ncwadi siyikhululelwe, khona ukuze sazi ukuba obu bomi balenzwana yaseQunu buphele njani? Jonga kaloku khumbula ukuba mhla wehla esihlalwe sokongamela isizwe waye wanqtyiswa nasemehlweni abantu.
Lo nto ke yasenza sanomdla ukuba ingaba utata wesizwe lo uphetheke njani esenza ntoni.
Ndithi mna mabahlale phantsi belusapho nalo mbhali, mhlawumbi kuvunyelwane ngezondawo banqwenela ukuba mazikhutshwe okanye zitshintshwe, khona ukuze kuphele le mpikiswano iphakathi kwabo. Thina sisisizwe sesibawisiwe ngale mbali, noko imiqala yethu seyinxanelwe ukuginya esisahluko sokugqibela kula mbali kaMadiba.
Kukho ke abo bayitsibele isafika ezivenkileni le ncwadi, kwaye ke aniyinakuba nakuhluthwa kubo. Ithi ke lo nto uhili uphumile ezingcongolweni, makavele lubala simbone ke. Inokuba ngalo mzuzu sisalinde olu thethathethwano phakathi kosapho lakwaMandela noGqirha Ramlakan, sizakube sifundisana nabo selebeyithengile.
Sesibawisiwe ngayo, mabayikhulule le ncwadi sifunde nathi!
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo