Mantashe: Asinaxhala ngeBhayi

Umbutho weANC awunalo noluncinci uvalo ngengingqi yaseNelson Mandela Bay. Oku kuthethwe ngunobhala jikelele walo mbutho, uGwede Mantashe ngethuba ebethetha namasebe alo mbutho aphuma kwingingqi yaseAmathole kumsitho eDikeni.

Ukuqala kwentetho yakhe uvakalise ukunganeliseki bubukho bamajelo eendaba kule ndibano. “Bendicinga ukuba sizakuthetha apha bengekho aba nondaba, kuba ezinye zezinto esizakuzithetha apha zifanele nina, malungu eANC kuphela,” utshilo uMantashe.

Ethetha ngethuba esamnkela uMantashe, usodolophu womasipala waseAmathole uNomasikizi Konza uxelele lo malungu eANC ukuba oku kuyinxalenye yamalungiselelo okumiselwa komqulu wezithembiso zalo mbutho eBhayi kule mpela veki.

UMantashe ucacisele amalungu ngeenjongo zotyelelo lakhe kule ngingqi yase-Amathole. “Emva kwezi zinto zininzi zenzekileyo sigqibe ukuba sijikeleze emasebeni eANC sinicacisela ngokwenzekileyo ukuqala kulo mcimbi weGuptas,” utshilo uMantashe.

Uyakuphika ukuba ilizwe loMzantsi Afrika lithathiwe nanjengoko uninzi lukholelwa koko. “Aziyonyani ezi ngxelo okwenzekileyo kukuba kukho abantu abathile abanobuhlobo obuphezulu neenkampani zabucala, hayi umbutho okanye ilizwe loMzantsi Afrika,” ucacise watsho uMantashe.

Uthi ikomiti elawulayo kumbutho we-ANC igqibe ukuba emva kokuchazwa kwesixamali esimele ukuba sihlawulwe nguZuma kumele ukuba umongameli enze oko ngaphandle kwengxaki.

UMantashe uthi, lo mbutho awunaxhala ngengingqi yaseBhayi. “Siqhuba neenkqubo zethu zesiqhelo zokujikeleza neenkqubo ze-ANC,” utsho uMantashe.

“Silapha ukuzakunika amasebe eANC ithuba lokuba avakalise izimvo zawo kulo mcimbi wezi ngxaki sijongene nazo, umcimbi wokugxotha umongameli asiwucingi nakancinci okwangoku,”uthethe watsho uMantashe.

Lo kaMantashe uthi, bafundile kwimpazamo zabo zangaphambili zokugxotha umongameli bengaqwalasela imicimbi ethile.

“Eminye imibutho ekhoyo ngoku ivele emva kokuba sathi sathatha isigqibo sokugxotha umongameli, sashiywa ngamalungu amaninzi kakhulu,” utsho uMantashe.

Uthi izimvo ezizakuphuma kula masebe zizakuqwalaselwa nzulu ukuze zifuthele isigqibo esibanzi sombutho.

siyabulela.mqikela@inl.co.za