Manyonga: Ndiqabele ngaphaya kwamadimoni ebendileqa

Umfanekiso ngu Gavin Barker

Liyinene
elokuba ikamva lomntu ngamnye lixhomekeke ezandleni zakhe, kwaye izolo lethu
alicacisi into esiyakuba yiyo ngomso.
 Ibali
likaLuvo Manyonga liyachukumisa nakubani na onesazela, libalisa kakuhle ukusuka
komntu ebugxwayibeni ayokuba liqhayiya lesizwe.

 NgoMgqibelo
le ndedeba ineminyaka engamashumi amabini anesihlanu iphumelele imbasa
yesilivere, kumagqibela kankqoyi elong jump kwimidlalo ye-Olimpiki eRio de
Janeiro.

Nangona
ephumelele uManyonga, umahluko phakathi kwakhe nalowo uphumelele imbasa
yegolide ibe yisentimitha enye qwaba. UManyonga utsibe kakhulu ngeyona ndlela
kumjikelo wesine, ephucula iziphumo zakhe kumjikelo ongaphambili.

 Ungummi
wesibini woMzantsi Afrika Afrika wesibini ukuphumelela isilivere kwilong jump,
elandela emva kuka Kgotso Mokoena. 
UManyonga
uqale ukuzibonakalisa ukuba ubuyile kulo mdlalo ekuqaleni konyaka. Kumthathe
iminyaka emine ukulwa neengxaki ebejongene nazo ebomini bakhe. Ngonyaka ka’2012
uManyonga waye yintshatsheli kudidi lwabancinci, kodwa uye waphoswa kukuya
kwimidlalo ye-Olimpiki eLondon emva kokuba kwafunyanwa isiyobisi(itik) egazini
lakhe xa bemvavanya.

 Uye wohlwaywa
ngokuthi anqunyanyiswe iinyanga ezilishumi elinesibhozo. 
Kunyaka
ophelileyo uye walungisa ubomi bakhe, waqala amalungiselelo ukuza eRio. 
“Ndikwazile
ukuqabela ngaphaya kwamademoni ebendijongene nawo, kudala endirhuqela ezantsi
iminyaka kodwa ngoku ndiphume ngaphaya kwawo,” utshilo uManyonga.