Maria Ressa: ‘Alahlekisa uluntu amakhasi onxibelelwano’

Intatheli uMaria Ressa ecacisa ngendlela asetyenziswa ngayo amakhasi onxibelelwano ukukhohlisa abantu ngethuba esenza intetho kwiYunivesithi yaseWits. Umfanekiso: Lerato Matlala / SABC

Igqala lonondaba eliphume izandla kwihlabathi uMaria Ressa utyhola amakhasi onxibelelwano ngokusasaza iindaba neencoko ezineengxelo ezingaqinisekiswanga kuluntu.

Uthi kubangela ukuba abantu bathathe izigqibo ezingagqibelelanga malunga nezinto ezibalulekileyo ezimpilweni zabo.

URessa yenye yeentatheli ezakhe zaphumelela imbasa yoxolo yeNobel.

Ugadlele egxeka indima yamakhasi onxibelelwano ngethuba ethetha kwingxoxo ebibanjelwe kwiYunivesithi yaseWits eGoli. ”Amakhasi onxibelelwano lelona qonga lixhaphakileyo elisetyenziswa yonke imihla luluntu ukuhambisa ulwazi kwanokwamkela ulwazi,” uhambisa atsho uRessa.

Abancinci nabadala, abafundileyo nabangafundanga baphila ngokuxhomekeka ngamandla kulwazi oluza ngamakhasi onxibelelwano.

“Injongo yale ngxoxo ibikukukhangela amacebo amatsha anokwenziwe ukubuyisa ukuthenjwa kolwazi oluza nabeendaba eluntwini, amakhasi onxibelelwano abangele ukungathenjwa okanye ukungathembeki kolwazi oluya eluntwini,” kucacisa uRessa.

Uthi ulwazi oluqulethwe kumakhasi onxibelelwano luchaphazela izigqibo ezibalulekileyo ezithathwa ngabantu ezifana nokukhetha imibutho abanokuyivotela xa kuvotwa.

”Kwiindawo ezisanda kuqhuba ulonyulo, sonke siyibonile indima edlalwe ngamakhasi onxibelelwano ngokusetyenziswa ngabo bebefuna ukuvotelwa, oku konke kuthetha ukuba iintatheli mazisebenze nzima ukuqinisekisa ulwazi oluhamba ngamakhasi onxibelelwano,” uhambisa atsho uRessa.

Imibutho yezopolitiko inamaqonga ahlukeneyo ajoliswe ukucenga uluntu ukuba babone okuhle ngalo mibutho ukuze bayivotele.

Mihla le iinkokheli zemibutho yezopolitiko zithukana, zityholana ngezinto ezahlukeneyo zisebenzisa amakhasi onxibelelwano.