Masibawonge besaphila

Kwezi veki zimbini zidlulileyo izibhalo zam zozibini ibizizikhumbuzo zabo bawa kugqogqo lomkhosi wezokhuselo worhulumetne wocalu-calulo weli ngeminyaka ka1982 noka1985, apho kwatshaba ingqokelela yabantu abangamashumi amahlanu ananye, noninzi lwabo ibingabemi boMzantsi Afrika.

Namhlanje ke ndithi mandiqukumbele esi sahluko sokukhubula le mbali ibuhlungu nemanya la mazwe angabamelwane ngokuthi ndigxile kwabo basindayo nabasadla amazimba.

Nakundixolela ke ntozakuthi ngokuthi ndithi gqolo ndizekelisa ngelizwe laseLesotho xa ndithetha ngembali yomzabalazo, inkaba yam kaloku yawela kwela lizwe lingqongwe ziintaba.

Oko ndaqala eli phulo labucala lokuqokolela amabali abo babulawa kwelaseLesotho, abantu abangumthobo ondinika ulwazi neenkcukacha endizidingayo ngabo basindayo kwakunye namalungu eentsapho zabo bangasekhoyo.

Xa sele ndijonga emva ndiqaphele ukuba umdla wam ubukekele kakhulu kumabali nembali yabo bangasekhoyo, ngokubaliselwa kambe ngabo basindayo nababesebenzisana kakhulu nabafi apha ekhaya naselubhacweni.

Noxa kungekho nto igwenxa kulo nto, kodwa impazamo yokuqala ethe qatha kum engqondweni ibuyela kula mgibe ndakhe ndawukhankanya apha phakathi enyakeni, ndisithi seyiyinto eqhelekileyo ukuba kuthethwe ngembali yommtu nenxaxheba ayidlalayo emzabalazweni, ze anikwe nozuko xa sele ewunabele uqaqaqa, kodwa xeshikweni wayesaphila zange awongwe okanye kuthethwe nto ngaye.

Ngaphezu koko kubaluleke kakhulu ukwazi nokuqonda ifuthe nemiphumela yokusinda edabini kwintlalontle yomntu nempilo yakhe ngokwase- ngqondweni nasemphefumlweni. Abanye ke basenamanxeba eembumbulu nokunye ukonzakala ngokwasemzimbeni; monzakalo lowo isisikhumbuzo samihla le sokuzinikela kwabo kwidabi lokulwela inkululeko yelizwe lethu, nokuba lo nto yayithetha ukuba umntu uzifaka esichengeni sokuphulukana nobomi bakhe.

Amajoni angomelela okwentsimbi abenesandi esigqithisileyo, kodwa ekugqibeleni nabo bangabantu, yaye ezi zinto ziyayichapazela ingqondo nomphefumlo wabo.

Namhlanje ke ndifuna khe ndabelane nani ngebali lelinye legorha elasinda ngendlela engumangaliso kugqogqo luka1982.

Igama alithiywa ngabazali bakhe ngu Zalisile Bekwa, kodwa elubhacweni nakwiinkampu zoMkhonto Wesizwe wayesaziwa ngelikaSantos okanye uLanga.

Njengesiqhelo, ngale mini kugqogqwa izindlu zeembacu zombutho we -ANC, lo ka Bekwa waye- kwakunye noogxa bakhe abasixhenxe kwigumbi labo lokulala kwindlu eyayisaziwa njengeCuba House. Yena nomnye babelele ebhedini, isithandandathu sasizondlulele koo- matrasi phantsi.

UBekwa uthi, wavuswa sisandi sesiqhushumbisi kwathi ngaxesha nye yena nogxa wakhe bazijula phantsi ngeliphepha loo ntlaninge yeembumbulu ezazibhabhela phantsi kwelo gumbi. Ethubeni uBekwa wachanwa yenye yezo mbumbulu kwigxalaba lakhe, waze waqengqeleka wayakuzithi tywa ngasefestileni, intloko eyiqhusheke phantsi kwebhedi.

Wakhawuleza wazombathisa ngeempahla awayezixibe ngezolo. Kuthe kusenjalo wava ngebhedi iphakanyiswa kurhuqwa iityesi ezaziphantsi kwayo kukhutshwa loo mpahla ibiphakathi apho, nenye yayo yathi yawela phezu kukaBekwa.

Ecaleni kwakhe kwakulele omnye woogxa bakhe bedibene ngeentloko, kodwa wayengaqinisekanga ncam ukuba ugxa wakhe usaphila ngelo thuba.

Kuthe kungadlulanga xesha lingephi uBekwa wabona eli qabane liphakamisa intloko yalo ngesiquphe. Uthi uyarhana ukuba lo mfo, nowayemanxebanxeba, wafa isiqaqa ze wathi zakubuya iingqondo wavuswa zezo ntlungu kuba wasitsho isikhalo. Abachithanga xesha ke ababulali bamthulula ngeembumbululu bemgqibezela.

Yonke ke le nto yenzeka uBekwa elele ecaleni kwalo mfo, naye egcuma ziintlungu egxalabeni kodwa kwanyanzeleka ukuba anyamezele azenze ofileyo.

UBekwa uthi walala apho engashukumi isithuba esinjengeeyure ezintathu, esiva konke okwakusenzeka. Kuthe kwakuzola kuvakala ukuba ababulali sele behambile, uBekwa warhubuluzela ngasemnyango ezama ukujonga ukuba abekho abanye abasindileyo egumbini na.

Ngelishwa osixhenxe amaqabane akhe ayethe dundululu kwelo gumbi, imizimba yawo idada egazini, isoyikeka ngamanxeba eembumbulu.

Kunamhlanje nje esi siganeko sisamphazamisa kanobom engqondweni nasemphefumlweni lo kaBekwa, nalapho athi, kunzima kuye ukuphila ubomi obuqhelekileyo, ingakumbi nosapho lwakhe.

Kude kube nanamhlanje uBekwa akakalufumani uncedo nokuxilongwa ngowasengqondweni nasemphefumlweni.

Ayinguye yedwa ke ojamelene nalo mceli mngeni, baninizi nabanye abalweli benkululeko abayidingayo le nkonzo ibaluleke kangaka.

UBekwa, noseziphilela kwifama yakhe cebu kuhle nedolophu yaseMonti uthi, kuyamnnceda kakhulu ukuhlala kwindawo ekude nabantu kuba akakwazi ukumelana nabo ixesha elide, yaye ukholwa kukuba yedwa noxa enaye owakwakhe ahlala naye.

Zininzi kambe nezinye izinto ezisamxhela umphefumlo lo kaBekwa, kodwa ubomi busaqhuba ngalo ndlela yabo.