Masibemanxadanxada sonke, kubongoza uMasualle

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle ngethuba isothula intetho yayo engobume bephondo eBhisho ngoLwesihlanu. UMFANEKISO: Siyanda Zakhe.

 

 

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle,  uth’ iphulo  likarhulumente  wephondo  elithi  “simanxadanxada” liqhuba kakuhle,  watsho ehlaba ikhwelo kubantu bephondo ukuba bazeke mzekweni kweli phulo.

 

UMasualle ebethetha noonondaba phambi kwentetho yakhe yobume bephondo eBhisho ngoLwesihlanu,  apho athe wadwelisa uthotho lwezinto ezenziwe ngurhulumente okhokelwa nguye ukuphucula iimpilo zabantu.

 

UMasualle uthathe nyathelo limbi ngethuba esenza intetho yobume bephondo kulo nyaka, nalapho achithe ixesha lale ntetho eqaqambisa into yokuba liphantsi kolawulo oluluqilima eli phondo.

 

Le Nkulumbuso ithi yonelisekile ngumgama osele uhanjwe ngurhulumente weli phondo nanjengoko usembindini wexesha leminyaka emihlanu olimiselweyo.

 

Ethetha malunga nentengiso kanomathotholo ethi “simanxadanxada”, nejike yangundaba-mlonyeni kumaqonga onxibelelwano, uMasualle uthi uyavuya ngendlela amagosa akhe asabela ngayo kule ntengiso.

 

“Ayindim ndedwa lo umanxadanxada, sithi sonke [bantu baseMpuma Koloni],” utshilo uMasualle, babe beyothula intsini abo bebephulaphule le ntetho yakhe eBhisho.

 

Kwezemfundo, uMasualle uthi bayaqala ukubona iziphumo zezicwangciso zabo, esithi oku ngunobangela wokugqama kwabafundi bakaGrade 12 wonyaka ka-2016 abathe batshatshela kuMzantsi Afrika jikelele. Aba , bafundi baquka uSiphokazi Hlalukana waseHoly Cross Senior Secondary eMthatha, kwakunye noAnelisa Marwanqana waseMariazell Senior Secondary eMaluti.

 

Kwezempilo, uMasualle uthi ukuyilwa kwenkqubo yezempilo engakhethanga hlwempu nasinhanha kuyaqhuba e-OR Tambo naseAlfred Nzo. Kulwakhiwo lwezindlu, lo kaMasualle uthi wonelisekile yindlela elisebenza ngayo isebe elikhokelwe nguMphathiswa uHelen Sauls-August, nanjengoko eli sebe sele lakhe izindlu ezikuma-38 345 ukusukela ngo-2014.

 

UMasualle ukwaqhabele izandla iziko lezoshishino nophuhliso (IDZ) laseCoega eBhayi,  kwanelo laseMonti (East London IDZ) ngokudala imisebenzi esisigxina ekuma-18 216 ngonyaka ka-2016.

 

Kwezolimo, uMasualle uthi bayiqaphele imbalela ethwaxa imimandla yephondo, watsho ebhengeza imali engange-R70 yezigidi zeerandi njengezakunceda amafama abetheke yimbalela.

 

Kodwa nangona kunjalo amaqela aphikisayo ezopolitiko anikina iintloko ngentetho kaMasualle. UBobby Stevenson weDA, uthi iMpuma Koloni ayinalawulo oluluqilima. UStevenson uthi intetho kaMasualle igcwele izincomo endaweni yokuhlahla ukuba zizakusonjululwa nini iingxaki ezombethe iMpuma Koloni.

 

UThando Mpulo weUDM uthi uyakwamkela ukubekelwa bucala kwemali yokunceda abantu abatsha, kodwa wagxeka uMasualle ngokunabi ngeengxaki ezombethe ezemfundo ephondweni.