Masibhiyoze sizilinganisela sixel` uSokhetye!

Isizwe soMzantsi Afrika siphela, sinika intlonipho nembeko efanelekileyo kumanina kule nyanga yeThupha, inyanga eyaziwa kwihlabathi lonke ukuba yinyanga yokubhiyozela oomama, ukuvuyisana nomthinjana kwanokuhlonipha indima entle edlalwe ngamanina kubomi bomntu jikelele.

Nangani ke kubalulekile ukubhiyozela imisebenzi emihle yamanina kule nyanga, kuquka nokugxanya kwawo ekuzameni ukuphucula ubomi babantu jikelele, ingqondo yam isuke yaphithizela mva nje.

Oku kudideka kubangwa zizehlo ezibambisa amazinyo eziqhubekayo kanye ngeli lixa bekumele kubhiyozelwa amanina kule nyanga yeThupha. Ngenxa yezinto ezehla umhla nezolo, zinto ezo zinyhasha amalungelo amanina neentombi zohlanga, ndiphela ndinovakalelo oluthi mhlawumbi ngale nyanga, bekumele sixoze mphini wumbi.

Mhlawumbi endaweni yokubhiyozela amanina nomthinjana, kumele sililizwe jikelele sikholose ngokumanyana, simanyane ngeenjongo zokulwela amalungelo oomama nomthinjana uphela.

Xa ndijonga ndiqwalasela izehlo ezimanyumnyezi kwihlabathi lanamhlanje, kunokwenzeka ukuba ukubhiyoza akunakuza nezisombululo ncam.

Mhlawumbi kungaqala ukulunga xa sinokukhala ngazwi linye, sibambaneni siyilwe nayiphi into ejongela phantsi amalungelo oomama nomthinjana wakowethu.

Umoya wokuhlonipheka kukamama, intombi, intombazana, inkosazana, inkosikazi, udadobawo, inkazana, umakazi, nawo onke amagqiyazana namaqobokazana, mhlawumbi ungavakala ngokucacileyo xa sinokukhe sinciphise ukubhiyoza, koko sigxininise ukubambisana, siyilwe kusiphuke izicithi yonke into enokujongela phantsi amanina.

Imizekelo yakutsha nje isibonisile ukuba ukubhiyoza kubalulekile, ukuze nabakhulayo bafunde kwaye bazeke mzekweni kwimizila emihle eshiywe ziinkokhelikazi namaqhawekazi angaphambili, kodwa ndicinga ukuba emva kokubhiyoza, kumele siqinisekise ukuba umthetho udlala indima yawo eqatha kwabo babukula amanina, kwabo baphatha gadalala iintyatyambo zohlanga, kwanabo bajongela phantsi amalungelo oomama besizwe.

Kutsha nje iBoko Haram eyathimba amantombazana kwisinala saseChibok kwilizwe laseNigeria ngomnyaka ka-2014, ibisanda kuveza imifanekiso bhanya-bhanya yaba bathinjwa bangamantombazana aselula.

Kwinkcazo yabo yokuzigwagwisa ngesenzo sabo sokuthimba abantwana abangamantombazana abangenatyala, la majoni eBoko Haram akwachaze nesenzo esishukumise ihlabathi liphela, isenzo sokuba malunga nama-40 kwezo ntwazana zithinjiweyo, sele zendiselwe kuloo majoni ngenkani, kungathandiswa kuzo.

Ingaba ngenene siza kuqhubekeka sibhiyoza ngale nyanga yamanina, ngoku sibonayo ukuba amalungelo amanina nabantwana abangamantombazana ayanyhashwa? Ingathi kum ngesisilwa umkhuba wokuphucwa kwamanina amalungelo ngaphezu kokuba sibhiyoza.

Kule mpelaveki sisuka kuyo amajelo osasazo mbombo zone zeli loMzantsi Afrika, aye anxakama lisikizi elenzeke kwisixeko saseBhayi, apho intwazana efunda kwiYunivesithi iNelson Mandela Metropole University, iye yahlaselwa nowakwayo kwisithili saloo dolophu nesaziwa ngeNorth End. Kuvakala ukuba iqabane lale ntombi, nalo elingumfundi kwakwelo ziko lemfundo enomsila, lidutyulwe labulawa, yaze yona intwazana le yaqhawulwa inkciyo zezo zikrelemnqa, zazithathela kuyo ngaphandle kwemvume yayo.

Mawethu, ndiyaphinda, ingaba siseza kubeka phambili ukubhiyoza kule nyanga ukogqitha ukugxwala emswaneni, silwe kuqhawuke unobathana, sisilwela ukuhlonitshwa kwamanina, sisilwela ukuxatyiswa kwamalungelo abo kuquka nokukhuselwa kwabo nkalo zonke zobomi?

Ngubani na ongevanga ngezimbi ezisanda kwehla eMthatha, cebu kuhle kwidolophu yalapho, apho kufunyenwe intombi sele iswelekile. Kuvakele ukuba isweleke emva kokudlwengulwa ngokungenalusini, yaze emva koko yabethwa yacunyuzwa entloko ngamatye.

Yhini na le mabandla kaTshiwo? Nanku unyana womntu, nali iqhawe libulewe zizidlwengu eJankemdorp kwiphondo loMntla Koloni kulo Mvulo sisuka kuwo. Lo mfanana ubulewe ezama ukukhusela umama wakhe kwizidlwengu, zamonzakalisa kwahlanza iselwa, ekhwaza ebanqanda esithi, “ngumama wam lo, ngumama wam lo!” Kwedini, egameni lamanina nesidima sikaNtu, sithi ugqatso ulufezile, banga nabanye abasakhulayo bangawalwela amanina baxolele ukuzenza amadini njengawe.

Elam lithi, nasiphi isizwe esingabakhuseliyo sibaxabise oomama neentombi, eso sizwe sishwatyulelwe, eso sizwe singumdudo woononkala osingise kwantshabalala!

Elam liyagxininisa ngelithi, masibabhiyozele oomama ngemisebenzi yabo emihle, kodwa kweli lethu ixesha, ingathi ukulwela amalungelo abo, ukuhlonitshwa kwabo emisebenzini nasemakhaya, kuquka nokukhathalelwa kwabo, zezona zinto bekumele sigxile kuzo!