Masibulele kubo!

Baninzi abantu abavakalise imincili yabo emva kokuba uMahlubandile Qwase weSebe leMfundo eMpuma Koloni, exelele uluntu lweli phondo ukuba isiXhosa siza kusetyenziswa xa kubuzwa imibuzo kwibanga leshumi kulo nyaka.

Kulungile ke ukuvuya siguye kangangoko, kuba le yimpumelelo emandla kuthi bathandi abazingca ngokuthetha nokubhala olu lwimi. Kodwa kumele ukuba sithathe ixesha senze umbulelo, sibulele kwabona bantu babaluleke kakhulu athi uKarl Max xa ebachaza zintsika zehlabathi.

Ndithetha ngooqhiyankulu noonqawende abasoloko bejongelwe phantsi nangona ingabo abanikazi bolwimi lwesiXhosa.

Kaloku ngabo abanikazi bolwimi kuba abakhange basifundiswe ngomnye ukusibhala, ukusithetha nokusichuba ngokusihlalutya. Imfundo yabo isuka kwinto athi uNjingalwazi uZanemvula Zothwana wakwezo ntaba zikaKraqa lulwazi lwatanci.

Masibulele kwaba bantu bangajongelwanga ntweni kuba ngabo abebegcine olu lwimi iminyaka, belufundisa iintsatshana zabo, zona zifundise ezinye iintsatshana, lutsho luhambe ngezizukulwana luthethwa. Aba qhiyankulu abagqibelanga nje ukulifundisa iintsatshana zabo, kodwa balukhusele olu lwimi iminyaka phantsi kweendidi ngeendindi zabacinezeli besiXhosa.

Siwakhumbula kakuhle amaxesha apho bekuthethwa nabo bezalise inkundla, kufike indoda enxibe iqhina ithethe isiNgesi iiyure ezine, bebehlala phantsi bamamele kuba bebekhusele isiXhosa.

Wobava bebuzana ukusuka apha kulo mbizo, besithi ebesithini na la mntu ebethetha phaya, bethetha, bencokola ngolwimi lwabo isiXhosa.

Emakhaya bafundise isiXhosa kubantwana abebevela esikolweni, kuba bebebuyela ekhaya bephethe imibuzo exake abo bafundisiweyo bangafundanga, suka banike iimpendulo ngokusekelezelwe kulwazi abalinikwa ngooyise.

Iincoko ezikho ngorhatya ingolwimi lwesiXhosa logama kuhlutshezwa iingqondwana zentsatshana, watsho wakhula umdla kwisiXhosa. Kumasiko nezithethe, aba qhiyankulu abavumanga ukuba amasiko nolwimi lwabo isiXhosa luxutywe, wobava bekruqukile ngulowo uqhayisa ngolwimi lwasemzini, besithi mmmnxxiiiimm, bebonisa ukungazikhathaleli ezi lwimi, bekhusele isiXhosa sabo.

Wobona ngamadoda ekroza ukuya kuma bucala phaya etsala iinqawa zawo, encokola nto yimbi kuba ekruquke sisiNgesi, ekhusele isiXhosa sawo. Umhla ngentlombe ubeva bevuma iingoma zabo ngeso siXhosa singaxutywanga nanto, nangoko injongo inye ikukukhusela isiXhosa sabo.

Ukusukela ngoTshazimpuzi ngo1887, ezi lwimi zala madoda zanyanzelwa ngokusemthethweni kumazwe aseAfrika. Incwadi ethi Londolozani isiXhosa ebhalwe nguH. Nabe, P.N. Nabe noD.M Ntusi itsho ifaneleke kule mihla. Masibulele kubo.