Masibuye isidima samaKhoi

UCollin Meyer wesizwe samaKhoi umemelela abantu besi sizwe samaKhoi ukuba bohlukane nokuzibiza ngokuba bangabantu bebala koko babuyele ebuntwini babo.

Uthi imbali nengxelo enikwayo ngesi sizwe yenziwa into yamaxesha akudala ngokuba akukho bantu besi sizwe abasaphilayo, uthi makutshintshe oko.

“Sinabantu besizwe sama Khoi esingaphezu kwesigidi eKapa kuphela kodwa bonke bazibiza ungokuba bangabantu bebala nabo bazibiza ukuba bangabantu bebala akwamnkelekanga oko,” utsho uMeyer. Uthi kukho imfuneko yokuba abantu besizwe sama Khoi sikhuthazwe sikwafundiswa ngobuzwe baso.

Isizwe samaKhoi sesokuqala ukufumaneka kumazwe akumazantsi e-Afrika awukho umzila obonisa ukuba bavela kwamanye amazwe.

“Sele kuyiminyaka emininzi kakhulu esi sizwe sijongelwe phantsi senziwa ngathi asikho okanye asibalulekanga, lixesha lokuba sivuke sibuyise isidima sesi sizwe,”utsho uMeyer. Kutshanje umbutho weContralesa kweli leMpuma Koloni eBuffalo City utyumbe iinkokheli zesizwe sama- Khoi ukuba zibeyinxalenye yekomiti yalo mbutho ibisanyulwa.” Kuninzi okungaziwayo ngabantu beli loMzantsi Afrika ngesizwe samaKhoi ngoko ngumsebenzi wethu ukuthatha iqonga sifundisa abantu beli lizwe ngembali yesizwe sama- Khoi,”uthethe watsho uMeyer.

Urhulumente weli usebenzise amazwi aphuma kulwimi lesi sizwe ngethuba kusenziwa iflegi yesizwe entsha yelizwe loMzantsi Afrika.

Loka Meyer uthi uJan Van Reibeeck ukufika kwakhe eKapa wadibana namadoda esizwe samaKhoi, kodwa imbali ayikucacisi ngokukuko oko.

Imbali ibonisa ukuba uninzi lezizwe ezikweli zadudula abantu besizwe sama-Khoi ababehlala kwiindawo ezahlukileyo zoMzantsi Afrika.