Masicamngce ngesiko lolwaluko

Xa kuqala le nyanga kaCanzibe ixhala liyaqala kwabo bazakuthumela abantwana babo eSuthwini, kuba le nyanga yandulela inyanga yeSilimela yokunyuka kwamakhwenkwe esiya ebudodeni.

Sithe makhe sikhangele ukuba ababhali bakudala babesithini ukubhala ngamaxesha abo xa bebhala ngesiko lokwaluka nanjengoko ilisiko elidala eli. Kolo phando asikwazanga kuzibamba ubeka izandla zethu kwingqokelela yemibongo ebhalwe nguSipho Mangindi Burns-Ncamashe.

USipho Mangindi Burns-Ncamashe (1920-1996) yenye yeenkokheli zethu eyenze umahluko ocacileyo ngexesha lokuphila kwakhe ngokubhala iincwadi ezisafundisayo nanamhlanje. Incwadi yakhe ethi Masibaliselane yenziwe ngohlobo olulodwa kuba imumethe amabali amafutshane kunye nemibongo ngokunjalo. Eyona mibongo itsala umdla kule ncwadi ngulowo uthi “Ingcibi” nalowo uthi “Ikhankatha”.

Xa ethetha ngeKhantatha utsho uzibuze ukuba ingaba sonke siyalazi kusinina uxanduva lendoda ekuthwa liKhankatha. Ikhankatha yindoda egcina amakhwenkwe eSuthwini, ihlale nawo iwafundisa iwanika iimfundiso eziwalungiselela ukuba akwazi ukudlala indima yawo entlalweni.

UNcamashe kule ncwadi uzinabisa kakuhle iimpawu zeKhankatha esithi, le yindoda engaziwa nganyala nasikizi ekuhlaleni.Yilo nto amakhaya xa ekhangela indoda enokwenza lo msebenzi ejonga iimpawu zokusulungeka nokuthanda isizwe kule ndoda izakunikwa olu xanduva. Kuyacaca ukuba ngexesha lokubhalwa kwale ncwadi isiko lokwaluka laliseyinto eyayithandwa, ihlonitshwa ngabantu nesizwe ngokubanzi.

Ngeli xesha lokubhalwa kwalo mbongo asithandabuzi ukuba ukubhubha kwabaKhwetha bekuyinto ibingaziwa, koko lo mthendevu wasemaTshaweni wawuprofithesha izinto ezakubakho ezi sijongene nazo namhlanje. “Uthi le yindoda engaziwa ngasibi ngabancinci nabadala, kuba nguncama ubomi asebenzele ukuphilisa abatsha”.

Ingcibi

Xa ethetha ngeNgcibi ngokunjalo unabisa iimpawu eziphantse zifane kuba esithi inikwe igunya nomsebenzi wokujika amakhwenkwe iwawezela ebudodeni.

Uthi ngumfo ohlambulukileyo ngehambo nangentetho, bonke banqwenela ukufana naye kuba iindlela zakhe azithandabuzeki. Ingcibi yindoda ezityumbayo ngokuthunywa yinto ethile ukuba yaluse amakhwenkwe.Kanti kwelinye ixesha Ingcibi iba- yindoda ethunywa ngamawayo ukuba iphilise isizwe ngokwalusa amakhwenkwe, iwasusa ebukhwenkweni iwathumela ebudodeni.

Uthi uNcamashe, amakhaya azakwalusa ufika ekhangela ingcibi efanelekileyo ezakwenza umsebenzi wokwalusa abantwana, oku kwenziwa ngokukhangela iimpawu ezintle nezifanelekileyo kulo ndoda.Umnqweno neenjongo zokutyumba lo Ngcibi ibakukuba lo mntwana walukayo aze afuze impawu ezithile ezikulo ngcibi yakhe.

Ukuba isisityebi ngokufuya okanye ngokulima, lo mntwana kulindeleke ukuba afane nalo ndoda ke. Ingaba kukulahleka kwezi mpawu kula madoda okubangela ezi ngxaki kwisiko lokwalusa abantwana?