Masifane noNoFirst, sifuye, silime

Ekuqaleni kwalo nyaka (2020) ndandiyinxalenye nomsitho owawukhwetywe yiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika (South African Reserve Bank ngesilungu) kwihotele i-ICC eMonti apho kwakubuthelene khona abafundi.

Lo msitho wawuzinyaswe ngabafundi bezikolo zaseMpuma Koloni abenza izifundo zoQoqosho (Economics) neziBalo (Mathematics). Iinjongo kukufikelela kubafundi bakaGrade 12 njengekhondo.

Omnye koosoqoqosho wongeza ngelithi kule minyaka mithathu izayo, ukukhula koqoqosho akunakudlula ku-2%.

Asiyonto intle le, watsho lo soqoqosho. “Kuba ukuze kudaleke imisebenzi, uqoqosho kufuneka lukhule phakathi kuka-5% ukuya ku-6% ngonyaka,” watsho lo soqoqosho.

Le nto isithatha isibeke kweyona meko yakhe yambi. Siyayazi sonke ukuba iqondo lentswelongqesho lithe gqolo ukwenyuka. Abantu bakuthi baxhomekeke kwimali yezibonelelo zikarhulumente ukuze baphile.

Ngomhla wokuqala, zonke iinyanga kugcwala kungabikho kwandawo yokuhamba kwiidolophu ezincinane zephondo laseMpuma Koloni, abantu befolele imali yendodla. Emva koko kuba yiloo nyakanyaka ezivenkileni bethenga ukutya.

Abanye ke phofu, kwezi malanyana zabo zendodla bahlawula imibutho kamasingcwabane, logama abanye behlawula amatyala emalimboleko.

Kuba kubi kumakhaya athile, kuphela msinya oko kutya emva koko ikati ihlale ilele eziko. Amaqondo endlala axhome kakhulu, noxa imali yendodla ikhona nje. Lo nto ke isibonisa mhlophe ukuba indlala awunakuyilwa ngemali yodwa, noxa nje ukuba nemali kungakuzimelisa endlaleni xa uyisebenzisa ngendlela eyiyo imali leyo.

Ngokomzekelo, iMpuma Koloni ineqondo lentswelongqesho eliku-39.5%, into ethetha ukuba kunabantu abalishumi, abakwilungelo lokusebenza, bathandathu kuphela abasebenzayo.

Yonke le nto ibe ngunozala wamakhaya ayekeyeke, abantwana kube nzima ukuphila ubomi obusemgangathweni (ezempilo nezemfundo, ngendlela eyamkelekileyo).

Zonke ezi zinto ndizikhankanye ngentla azizanga nantsholongwane yeKhorona. Kudala zikho qha uninzi lungaziselanga liso.

Ukufika kwentsholongwane yeKhorona, ngaphandle kwamathandabuzo, kuza kuba neziphumo ezibi kwezoqoqosho. Ezinye iinkampani ziza kudiliza abasebenzi, ezinye zivale. Oku kuza kubanefuthe elibi kwisizwe ebesihleli silamba.

Kwenziwe ntoni ke ngoku? Andiqondi ukuba kukho impendulo ekhawulezileyo kulo mbuzo. Kodwa ke ingaba ubani uphendula gwenxa xa enokuthi kutheni singabuyeli kundalashe?

Undalashe? Ewe undalashe! Cinga xa kungekho kwamali, kuvalwe iivenkile. Kungenziwa ntoni? Imbali isixelela ukuba kwakufika indlala abantu bayabhubha. Singakunqanda ukubulawa yindlala ukuba nje singaqala ngoku ukwenza unakonako.

Kutheni singalimi? Kutheni singaqali ukufuya? Singayinqanda indlala ngokulima nokufuya.

Kha ufane ucinge phaya ezilalini umam’ uNoFirst xa efuye iihagu ezintlanu neenkukhu ezilishumi ekwalima amazambane, isipinatshi kwanekhaphetshu kwigadanyana yakhe. Akathengi mazambane, akathengi khaphetshu.

Uxhela iinkukhu rhoqo ngeenyanga ezimbini. Uxhela ihagu athengise inyama yayo ubuncinane kabini ngonyaka. Ngexesha lokutyalwa kombona, iimbotyi namathanga, uNoFirst uyatyala.

Ingaba ke uNoFirst uyafana nomntu oxhomekeke kwimali yesibonelelo? Ithuba lisekhona lokuba sifane noNoFirst.