Masifunde ezinye iilwimi zesiNtu

KooLwezine ababini abadlulileyo, umhleli weli phephandaba, phantsi kwenqaku lakhe lemihla ngemihla ukhe wachaphazela ukufika kwesikhululo sosasazo esiphantsi kweSABC, Ukhozi FM apha ephondweni.

Ngethamsanqa lethu, apha kule ngingqi yaseBuffalo City, mna ndafumanisa kwakulo nyaka uphelileyo ukuba amaza osasazo esi sikhululo ayafikelela apha.

Kwandichwayitisa oku, kuba Ukhozi FM sesinye sezikhululo ezithathu endandiziphulaphula rhoqo ndisengumhlali kwandonga ziyaduma. Ezinye kuquka kuzo Umhlobo Wenene neLesedi FM.

Ngelishwa lam ke, iLesedi yona andisayiphulaphuli kuba amaza ayo awafikeleli kweli cala.

Noxa ifumaneka kwi DSTV, njengazo zonke izikhululo zikanomathotholo zeSABC, kodwa ingxaki yabanye, andihlali ndedwa, yaye akukho kwam apha, ngoko ke andizukwazi ukuzithathela isigqibo sokuphulaphula unomathotholo, babe abanye abantu befuna ukubukela iinkqubo zabo abazithandayo kumabonakude.

Kweza mpendulo azicaphuleyo umhleli, nathe zisuka kubafundi beli phephandaba nabangabaphulaphuli boKhozi olumaphikophiko, nam ndiyakungqina oko.

Ukwaleka, mna esinye sezizathu esandenza ndikuthande ukuphulaphula Ukhozi kukuba qho ndisenza njalo ndizibhaqa ndifunda amagama amatsha, nathi aphucule intetho yam xa ndinxibelelana nabahlobo okanye oogxa bam abangamaZulu. Kufana nqwa neLesedi FM, nesasaza ngolwimi lwesiSotho.

Ndandivuya qho xa abahlobo bam abangabeSotho bendincoma besakuva intetho yam ngolu lwimi isiya iphucuka.

Ndandisithi naxa bendibhalela imiyalezo, mabakwenze oko ngesiSotho.

Ukuba ungathi mandikhankanye into ibenye endiyikhumbulayo ngobomi bam beminyaka ephantse yafika eshumini ndingumhlali wakwa nyam’ ayipheli, ngaphandle kwamathandabuzo, kukukhumbula ukuthetha isiZulu nesiSotho (esixubene nesiTswana maxa wambi) mihla le.

Ukuba ndandizimisele kwiminyaka eyadlulayo, ngeba ndongeza isiTsonga, isiSwati nesiNdebele kolu luhlu, kuba ndinabahlobo ababezimisele ukundifundisa, xa nam ndandizakubafundisa isiXhosa. Kwilizwe elizingca ngeelwimi zesintu ezilithoba, inene ndisadlala upuca xa ndisaqhayisa ngezintathu qha; kodwa ke ucuntsu akafani noshici.

Kusenjalo, kusekho abantu abayibona ingumnqa into yokuva uthetha olunye ulwimi lwesintu olungelulo olwenkobe; bakubone njengomntu ongazingciyo ngolwimi lwakho okanye imvelaphi yakho. Uve abantu besithi:

“he wethu, ubuseRhawutini iiveki ezintathu, kutheni wabuya sele unendawo ekhulumayo ngoku?”

“Eshe, uyazithanda izinto kanene; ungumXhosa into oyiyo, sekutheni sewutswiriza kuba ungumphangeli eRhawutini.”

“Igama lakho ungu Nomathamsanqa, kodwa ndikuva uthetha isiSotho. Ungumhlobo mni kanye kanye?”

Umntu uyakuze akubuze yonke le mfitshimfitshi, kodwa thetha isiNgesi wena, ude usikhuphe nangeempumlo, uyakuqhwatyelwa izandla mntakabawo, ubonwe njengomntu okrelekrele.

Ndakhe ndamiswa lipolisa lezendlela kwimnyaka edlulileyo kwiphondo laseFreyistata, ndisendleleni ebuyela eRhawutini. Ngokulindelekileyo wathetha nam ngolwimi lwesiSotho, nam ke andabona siphoso apho, ndamphendula ngaso.

Izinto zizokujika xa ebona ikhadi lam lelayisenisi yokuqhuba. Ndeva sendibuzwa ukuba ndingu Nomzamo waphi lo uthetha isiSotho? Akayekanga apho, kwalandela eyefani yam, esithi ayiqhelekanga kwezalapha eMzantsi Afrika. Wandixaka lo mbuzo, ndakhe nda- “locker” ithutyana.

Ngendandimphoxile lo mfo ukumpendula kwam, kodwa kweli tyeli kwanyanzeleka ndizithobe, kuba ndandimiselwe ukuqhuba ngesantya esithe kratya kweso simiselweyo.

Mna (ndisaqhubeka ndiphendula ngesiSotho): “NdingumTanzania okhulele eLesotho, kodwa ngoku ikhaya liseMpuma Koloni.”

Yena: “Hayi uyaxoka, awukhangeleki njengomntu osuka e Afrika.” Oku kuthethwa ngumntu ohlala eFreyistata, nelelinye lamaphondo elinabantu abaninzi abangamaXhosa asithethayo nesiSotho.