Ndinibhalela le mbalelwano njengoko sekumpondozankomo sibe yimiqodi esingise ezikhulukweni zokuvota ngomhla wesi 3 kuAgasti. Ndithi masingafekethi ngalo eli thuba ngokulibukula ngenxa yokungeneliseki zizenzo zabaxhuzula iintambo zombuso kule minayaka mihlanu idlulileyo.
Emasikwenze kukuphuma ngobuninzi bethu okwamaqabaza emvula siyokuvotela abo singabeka ithemba lethu kubo ukuba bangalawula ngokuthembeka bebeke iimfuno zoluntu lonke phambili, hayi ooMbambushe abathi bakuvotelwa bazilibale ukuba bazizicaka zoluntu koko bakholose ngokuba ngoohlohlesakhe abarhwaphiliza irhafu.
Ingxoxo enkulu ngolu lwenyulo mayisikhumbuze ngobuciko bembongi yeSizwe sasemaXhoseni uMqhayi weNtabozuko xa wayebonga ngoMbambushe inja kaKumkani uNgqika, Aah! Lwanganda. Ekugqibeleni ingxoxo ngolu lwenyulo ayiphelelanga kumbuzo malunga nokokuba sisalawulwa ngentando yesininzi kusini na, koko idlulela kumba wokokuba ulawulo lusenengqaka na okanye seluyintloya emuncu?
Kufuneka uhlale uzingile ezingqondweni zethu umbuzo othi: ingaba isizukulwana sethu sakulubona njengolunantsingiselo na olu lwenyulo ezimbalini? Impendulo ndiyathemba, iyakuba yethi lulo olwasikhanyisela ngokubaluleka kokubuyiselwa kwamandla ebantwini ngokuthi singavoti ngohlobo oluphenjelelwa bubuhlanga kunye namantyontyelo angembali yethu yengcinezelo yorhulumente wobandlululo.
Endaweni yoko kolu lonyulo kufuneka sihlabe sikhangele ngokukhetha phakathi kwawo onke amaqela ezopolitiko, ingakumbi abagqatswa abazimeleyo, ngenjongo yokubeka urhulumente ozakusabela izimvo zethu luntu maxa onke kule minyaka mihlanu izayo.
Mayingasisitheli into yokokuba esibavotelayo kwizindlu zowiso mthetho kumanqanaba onke banoxanduva lokuba liliso nesabhokhwe sethu sokubhexesha okwenziwa ngurhulumente ngerhafu yethu, uxanduva lokusikhanyisela ngezenzo nezigqibo ngokusetyenziswa kwamagunya olawulo lwaseburhulumenteni, uxanduva lokunyanzelisa ingxoxo esesidlangalaleni nengcaciso ephathekayo ngento nganye esinombuzo ngayo, ukunqumlela iinkqubo ezigxekekileyo nezinenkcitho-mali engenanzuzo kuluntu, nokuthi abo baseburhulementeni xa befeketha ngamagunya olawulo abawanikiweyo okanye xa bewasebenzisa ngohlobo olunobugwenxa babantame kuthi ukuze basuswe elulawulweni ngokuvotela abanye abazimisele ukusebenzisana noluntu.
Esibavotelayo kolu lwenyulo mayibe ngabo esingathi omnye nomnye kuthi athembele kwinto yokokuba angafumana kubo umntu ongavakalisa izimvo zakhe ngohlobo olucacileyo nolungakhethi buso ngamaxesha empikiswano nokubethabethana kwezimvo.
Kungoko ke ndisithi ngobuciko bembongi maze sithi xa siphengulula amagama akuluhlu lwabazigqatsela ulwenyulo sifunde nto kumazwi kaMqhayi asibonisa impazamo ngokuqhubeka nenkxaso kwabathile ebenza bazilibale ukuba benyulwe sithi yaye kufuneka basebenzele iimfuno zethu.
Ndithetha ngabo bangabahloniphiyo abavoti nabazenzela unothando ngemali yerhafu ephawulelwe ukuphucula iindawo zethu, abangahambi ziintlanganiso zasekuhlaleni nabangabonisani nathi luntu ngezigqibo zophuhliso nokuziswa kweenkonzo eluntwini.
Niyabazi abo Mbambushe bangoohlohlesakhe abaqasha izihlobo nabahlobo babo kwizikhundla zomsebenzi ezikumasebe karhulumente, nabangonqeniyo ukugrogrisa nokugebenga abo sukuba bebankqangisa ngezi zenzo zenkohlakalo.
Ngaba Mbambushe abavunyelwe ngumbutho olawulayo ukuba benze le ntlonti yonke le minyaka, nekungoku nje abagragramela umbutho ngokude bathi naxa benqandwa beboniswa ngokuba lihlazo kwezenzo zabo, banyantsule benyalasa ngokungenazintloni. Kaloku kunamhlanje nje umbutho olawulayo awusenalo nethuba lokwandlala izicwangciso zolawulo loomasipala kule minyaka mihlanu izayo. Koko ligaxeleke ekubhuleni umlilo nasekuqumeni ihlazo elibangelwa kukungalawuleki kwaba Mbambushe abathetha kuthethwa.
Ngoko ke lithuba lethu sonke ukuba siphume siyokuvota ngohlobo olubuyisela amandla ezandleni zethu noluvakalisa ukudanduluka kwethu sizeka mzekweni mnye kokaMqhayi woNtabozuko sisithi koohlohlesakhe:
Lala njalo ke, Mbambushe! Ndun’ekulul’akulo ntlushe. Amabhong’uwafezile. Bonk’ubuntu ubugqibile. Ubuyinja ngokudalwa, ngokuvela, nokuzalwa. Ubungumntu ngokondliwa,ngokungama, nokoyikeka. Ubunalo ithamsanqa. Neziny’izinja zakhamnqa. Lokunyuswa ngokaMlawu. Akwenze ube sisigcawu. Akonanga; wonakele! Loo nyanis’ibonakele.
Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?