‘Masihlangabezane kuba iAfrika inye’

Amagqirha kumsitho wosuku lweAfrika eQumrha

Amasiko enziwa eSenegal aphantse afane nalawo waseMzantsi Afrika. Kwankqu nawenzeka eKenya akohlukanga kakhulu kulawo waseBenin.

Oku, ngokokutsho kukaJames Sar waseSenegal, kungenxa yento yokuba iAfrika inye.

USar ebethetha kwiholo lelokishi iMzomhle eQumrha ngosuku lweAfrika, obeluququzelelwe sisikolo iSithanda Sinako Primary. Abantwana baseSithanda Sinako bonwabise abobantu bebezimase olu suku ngemixhentso ekhuthaza ibuyambo. Bekukwakho namagqirha, exhentsa ehesha okubonwa ngabo bafuthelwe ukubona apho kungaboni wonke umntu.

“Abantu baseAfrika mabahlangabezane kuba ngabantu abanye. Ukufika kwam eMzantsi Afrika ngo1997 ndisuka eSenegal, ndaphawula ukuba intlalo yabantu beelali zeli lizwe iphantse ifane nqwa neyaseSenegal.

“ESenegal sinooronta, sineentlanti, siyalima, sifuyile, siyatheza, siyasenga iinkomo, siyolusa amakhwenkwe futhi sikwakholosa ngezinyanya. Njengabantu bonke baseAfrika, eSenegal sinentlonipho. Kunjalo ke naseMzantsi Afrika. Yiyo le nto ndithi kusekhaya nalapha,” utshilo uSar.

USar uthi ukhe wahlala eFrance, kodwa wafumanisa ukuba inkcubeko yela lizwe yohlukile eAfrika.

Utitshala waseSithanda Sinako uThembinkosi Mqina uthe: “Kufuneka ulutsha luyazi ukuba iAfrika inye. Kwilizwe lethu kufuneka siphile ngokuhloniphana. Siyavuya ukuba umsitho wethu uthe wazinyaswa isikakhulu lulutsha.”