Masihleke NoManono

Yhu! Akusiyali maan eMzantsi Afrika! Mna ndiyahamba sana apha, ndiya eQonce, soze ndiyimele ke le!

Kusuke kwathi cwakaaa nangeNkandla le bethuna, onolwazi ngoThulie Madonsela makandikrwece kumXit naku-2go okanye andiphe iinombolo zakhe zomnxeba.

Sana ayiyo le yokuba uMzantsi unyabe kangaka kanti sasikhululekela ntoni ngo-1994, xa kuzakuvele kuthuleke kanje eMzantsi?

Hayi mn tase soz’uve! inonyawo lwemfene le, ifuna ukuphandwa kwaye ifuna ukuphandwa ngumntu onamava uThulie omdala hayi lo mncinci, phofu usekhona kwalona umncinci okanye wagxothwa esihlalweni kuba kungasekho zinto ziphandwayo oko uMongameli wabhatala iNkandla, ndingamazi phofu ukuba wayeyibhatalela ntoni msinya, bonani unxunguphalo akasifake kulo eMzantsi?

Ifuna ukuphandwa kwale yokuba akhawuleze abhatale iNkandla engekehli esihlalweni, jongani ngoku kumuncu kanjani ezweni lethu? Kungenzeka sebe mgxothile naye uMaBusie sana, mhlawumbe ugxothelwe ukutya imali yokuphanda, kuya gxothwana kula palamente akudlalwa yho!

Nibuze pha kuSomnci uFaith Muthambi nomzal’uBathabile Dlamini, ndithetha nani nje baxhathise ngomgubasi bayatyhalwa abaphumi tu! Bathi baxolele ukuphuma nala migubasi yala palamente abayi ndaaawo wo wo wo tj!

Hee! bantase khanimeni, ndibuze nantsi enye into inditya mhlawumbi ingakufunwa ukuphandwa kwayona k’qala. Nise nazo nje (ii-crush) aba bhuti sibathanda bucala phofu bengasazi bona? Ndibuza kuba andiseva namnye kuFacebook othetha nge-Crush yakhe sana kwathini na? Okanye oko noyika ngenxa yala nto ndayenza ngo2016?

Le yokuvuka ngesantya sikaCaster Simenya kwisiporo sikaloliwe sele esiza, kuba ndabethwa luvalo ndiyokuzitshayisisa ngenxa yokuba i-crush yam itshata?

Masithandazeleni icrush zethu manenekazi, zingatshati sikhona imbi nyhani into eyandehlela ngoDisemba ka2016 ndijongile ndingaphuphi, ndeva kusithiwa icrush yam iyazimanya, andakwazi tu ukumelana nalo meko ndangqala ngqo kumzila ka loliwe ndisigixa!

Malihambe ivangeli le crush manenekazi amaaaaandla!! Ngawecrush!