Masihleke noManono

Yhazi bazalwane ikhona ingxaki kwaye ibuye ngamandla kunjalo nje.

Ndandike ndanibuza ukuba ngubani oweza namaphupha kula bhayibhile, nathula anandihoya, ngoku mna ndixakene nento.

Mna ndixakene namaphupha athe gqolo ukundilandela ngemva endingazi nokuba ndiwathwalise bani kuba ayandisinda hayi nje kancinci.

Izolo ndiphuphe ndingasashumayeli maan ecaweni eMancoba eyachithwa kudaaala phofu nalo Mancoba, kodwa isavela kum emaphupheni kuba kutheni kanti?

Kodwa andizange ndavakasha nangekrismesi phaya, ngoku kutheni nje indivelela ephupheni?

Ndiyoyika yhazi ngoku, ingathi ngenye imini ndiza kuhanjelwa ngamalungu akhona ephupheni, mhlawumbi efuna ndibenzele umsebenzi wokuvasa la cawe, hayi kofuneka ndihambile eMzantsi.

Ndithi bendingasashumayeli sana bendinguMamu LP Mabutho kwisekethe yaseNorth West, phantsi komfundisi uSupra Mahomapelo, ndithi bendibile ndimanzi, ndixhumaxhuma, umoya uphephezela apho uthanda khona, inene ongandichani ncam ebenokuthi ndigushe inip ndiyakuxelela tsi!

Ndithi bendichasele kula pulpit ndingafuni kwehla, nditsalwe ndancanywa ngamalungu ebandla.

Ndizokwehla ngosuke ndive ivumba lamatayala avuthayo kanti amalungu atshise amatayala emnyango caba ndibu Suprirha andifuni kwehla apho kwehliwa khona zandaxakwa!

Kanti xa ubuSuprimatic awehli nasemaphupheni na, funeke de kubaswe umlilo? Heee woow!!

Ndicela xa nithandazela le mpi yeeteksi nam ningandishiyi ngemva bantase, nam ndiyawudinga loo mthandazo emke la maphupha mabi.

Ndisathetha ngempi yoonoteksi njalo, ndisuke ndakhumbula emakhaya maan, apho siphila kamnandi sihamba ngezitaliyon ezingenampi, ayikho yonke le nto yomlo pha.

Kuza wufuneka siphumeni iphulo silweleni izitaliyon ziziswe apha kwiidolophu ezinkulu, ze iiteksi neequantum zisiwe kweza dolophu zethu zincinci ooNgqamakhwe nooQumbu, Tsolo – zoyisiwe ngumbuso wesixeko moos, hayi sonele!

Xa zingafuni ke ukungena kwezi dolophu zethu zincinci ngcono zihlale ebaleni zizalele iinkukhu.

Kungekudala siza kube sisithi boph’isafety belt wena sekubusa iztalion ngoku, uyayiva kengoku? Kusezoba lit!