Masikhenkethe: Kei Mouth, Morgan’s Bay neCintsa

Indawo yokutyela phandle eCrawfords Beach Lodge Imifankiso: Bheki Radebe

“Linzima ke eli shishini lokulalisa abantu. Kubakho amaxesha apho kuye kuthi nkcwe, kungangeni mali yaneleyo,” kutsho uRichard Warren-Smith, ongumphathi nomnikazi weMorgan Bay Hotel eseMorgan’s Bay kufuphi nonxweme iKei.

Le hotele yaqalwa ngutata kaRichard, * -Ian ngo1946 esuka eItaly emva kwemfazwe yesibini yelizwe. Oko yahlala kwizandla zosapho, izizukulwana ngezizukulwana zithatha apho washiya khona.

Namhlanje yindawo kanokutsho enamagumbi angamashumi amane aqala kwiwaka leerandi ukonyuka ngokwexabiso. “Enye into esincedayo silishishini kukuba sixhaswa ziintsapho ekudala zaza apha; abantu ababesiza apha bengabantwana, nabo bazisa ababo abantwana apha ngoku.

Yindawo yokukhuphela usapho ngempelaveki; yiyo lo nto ufumanisa ukuba amanye amagumbi aneebhedi zabantwana,” uqhube watsho xa simbuza ngabona bantu baza kule hotele. Ukungabikho kweevenkile ezinkulu kuthetha ukuba uRichard lo kufuneka ehle esonyuka eyokuthenga leyo naleyo ifunekayo eMonti.

Ukusuka eMorgan’s Bay uyokutsho eMonti luhambo olungangeyure enye, kodwa ke noko indlela yitha de uyokufika. Ekuqaleni kwale nyanga iArhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA) isithumele isimemo sokuba sichithe ixesha kule hotele kaRichard kwaye sijikeleze nonxweme lweKei, sikrobe eCintsa naseMooiplaas.

Ezokhenketho kweli cala leWild Coast iseyinto enokukhula kakhulu kodwa ngenxa yeendlela ezimbi kuye kube nzima ukuya kwezinye iindawo zikanokutsho ezifana neMiarestate Hotel & Spa eseHaga Haga, kufuphi neMorgan’s Bay le besikuyo.

UMphathiswa wezoqoqosho, uMlungisi Mvoko, naye uyiphakamisile le ngxaki yeendlela esithi: “Siyazama ukusebenzisana nesebe lezeNdlela kwaye sikwazama noogandaganda abaza kujongana nalo mngeni” xeshikweni kuvulwa inyanga yoMsintsi njengenyanga yezokhenketho eMorgan’s Bay Conference Centre ekuqaleni kwale nyanga.

Morgan Bay Hotel: Siyithandile ke le ndawo, igumbi belilikhulu, linefriji nomatshini wokuzenzela ikofu. Iisepha zokuhlamba zezodidi oluphezulu lukaCharlotte Rhys. Elethu igumbi beliphumela kwipuli ejonge ulwandle.

Kuthe nkcwe kwaye uvuswa zizandi zolwandle. Ibhrakfesi ephekwa kwikhitshi elikhokelwa ngumfazi womnikazi, nayo ibineendidi ngeendidi zokutya okuphekwe ngothando. Kunzima ukugxeka indawo enje. Singafane sikhalele ukungabikho kwefowuni kwigumbi lokulala, nto athe ukuyiphendula uRichard “uza kuyithini ifowuni kwigumbi lakho LOKULALA? Ninazo nje ezenu kule mihla!” ehleka.

Wild Coast Horse Riding Adventures Nali ke icebo. Ukuba uhlala kwilali ekufuphi nendawo ethandwa ngabakhenkethi kwaye unalo nehashe lakho nawe ungazenzela le nto ifana neyeWild Coast Horse Riding Adventure kwaye uzenzele nemali.

Sivuke ngenj’ ixukuxa ngoLwesibini, sasuka kwihotele sisingise kwicala lomlambo iKei. Kulapho ke indlela iye yaba namagingxigingxi kwaphela netha leyo. Sifikele kwindawo enegali elincinci namahashe phambi kwalo. Ingxaki iye yaqala xa kusithiwa abo bangaphez’ ko 90 kg ubunzima abanokukwazi ukukhwela.

Intatheli yethu ibetha pha koo112 kg yona. Ithe isambombozela yodwa ibukele ezinye iintatheli zamanye amaphepha zikhwela amahashe azo, suke kwee- gqi umama wale ndawo elandelwa lihashe elikhulu elimhlophe, wathi “noko, eli lingakuthwala” Sabe ke nathi sithatha inxaxheba.

Sikhethe ukhwelo lweyure enehafu oluxabisa iR400. Bakwanalo nolweeyure ezimbini enehafu oluxabisa iR600 kubekho nolunye lokukhwela ihashe imini yonke uwele umlambo uyokutsho kumacala akuCentane. Yona leyo yemini yonke liwaka leerandi.

Kumnandi ke ukukhwela ihashe nokugudla amahlathi ubuka idolophana yeKei Mouth, kodwa ukuba awuqhelanga ukukhwela ihashe yazi ukuba kuza kuba buhlungu amathanga kwakunye nomqolo. Ukukhwela ihashe yinto ebufana nokuzilolonga.

Sigigitheke yintsini xeshikweni umfoti weli phephandaba exhuma wayokubambelela kumthi emva kokuba ihashe lakhe lingafunanga ukulandela imiyalelo yakhe. Emva koko khange aphinde alikhwele, uhambe apha ecaleni kwalo de sayokufika apho siqale khona.

Crawfords Beach Lodge Apha ke khange sihlale. Nangona umnqweno wokuhlala ubumkhulu ngoba le ndawo iseCintsa, phambi kolwandle kwaye ikhangeleka intle mpela. Sifumane nje isidlo sasemini saphinda sayindlela. Yonke imihla baye bapheke isidlo sasemini, apho abantu baye baziphakele ngeR175 (phakathi evekini) ibe yiR250 ngeCawe. Akho nto ingekhoyo kwaye uya kangangoko unako.

Areena Riverside Resort Abanye bathi le ndawo iseGonubie, abanye bathi iseCintsa, abanye bathi iseKwelera. Kodwa omawukwazi kukuba ikufuphi neMonti (35km) kwaye iGPS okanye uGoogle Maps uza kusa ngqo kuyo. Akho nto ingekhoyo ke apha. Kukho nendlulamthi ekuthiwa nguAbby ethanda gqitha ukuhoywa ngabantu.

Thina siqale ngokuyokubona le ndlulamthi emahlathini nalapho siyondle ngombona phambi kokuba sileqe siyokukhwela izithuthuthu zale ndawo ezinamavili amane.

Bekumele ukuba siye sajinga naphezu kwamahlathi kwinto abathi yiZipline kodwa ixesha liye lasibetha. Ininzi nje into ekule ndawo; singabala iiSegways emahlathini, Paintball, Abseiling kumlambo wabo kwakunye nendawo yokuhlala kwiintente zabo, njalo njalo. Nakanjani sakuzibuyela kule.

Ngxingxolo, kwaMam’ uTofu Ukuba ungumXhosa usenokungayonwabeli ncam ke le kodwa ingakwalilo nethuba lokuba ufunde banzi ngembali nenkcubeko yamaXhosa. Kwakubangcono ngethuba esaphila umam’ uWinifred Tofu owayengumnikazi neciko elalisonwabisa abakhenkethi kule ndawo.

Ubhubhe kweyeKhala 2016 kodwa washiya iqela labantu abancance lukhulu kuye nabakwaziyo ukwabelana ngolu lwazi lwakhe. Sifike pha emva kwentsimbi yesibini, sabuliswa ngabantwana abaxhentsayo saze saboniswa iindidi ngeendidi zeentsimbi kwakunye neendlela zokupheka zesiNtu. Le indawo ifanele nabani na ofuna ukufunda ngembali yakhe. IseMooiplaas, kufuphi neMonti.

*Kulo lonke olu hambo besijikeleziswa nguVelile Ndlumbini we-Imonti Tours. Ufumaneka ku 083 487 8975 okanye

velile@imontitours.co.za